Umqeqeshi weCape Town City, uEric Tinkler, usenethemba lokuba izinto ziza kuphucuka eqeleni lakhe nakubeni litsala nzima kule sizini entsha. Oku ukuthethe emva kokuba iCape Town City ibambene ngeqanda neMaritzburg United emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe e-Athlone Stadium ebusuku ngoLwesibini wale veki. Ibilityeli lesine iCape Town City igqiba umdlalo ngaphandle kokufumana amanqaku amathathu. Emdlalweni wokuvula isizini entsha, iCity yabethwa ngo’2-0 yiMamelodi Sundowns. Emva koko yabethwa yiSwallows ngo’3-2 phambi kokubethwa ngaMaZulu ngo’2-1 kwiveki ephelileyo. Nakubeni ukungaphumeleli imidlalo iyeyona ngxaki kwiCape Town City – kodwa kukho nokuvuza kwamagowuli nako okuxhalabisayo.
Ukungabethwa kumvuyisile uTinkler, ngakumbi ukungafakwa kwegowuli okanye amagowuli eqeleni lakhe okokuqala emdlalweni weDStv Premiership kule sizini. “Ukungafakwa kwegowuli kuthi yeyona nto ebalulekileyo esihamba nayo emva kwalo mdlalo. Yinto esikhathaza kakhulu,” utshilo uTinkler, oncede iCape Town City eza kudlala iCAF Champions League emva kokuvala isizini egqithileyo kwindawo yesibini. “Kuyo yonke imidlalo esiyidlalileyo, sithi ababebephe umdlalo nabadala amathuba okufaka amagowuli. Nakulo umdlalo bekungekho mahluko ngaphandle kokuba singakwazanga ufaka ibhola emnatheni. Njengoko senditshilo, sikwazile ukugqiba umdlalo kungafakwanga gowuli kuthi.
“Ibalulekile kuthi lo nto. Ukubethwa imidlalo emithathu ilandelelana kusiphazamisile ezingqondweni. Siyalithatha inqaku elinye esilifumana,” utshilo uTinkler. UHugo Marquez wase-Angola, obengunozinti oqaqambileyo kwisizini egqithileyo, ucele ukukhululwa yiCity emva kokungaqhubi kakuhle emidlalweni egqithileyo. “Izinto ziza kuguquka ngoba asidlali umdlalo ombi konke konke ebaleni. Okwethu kukuqhubela phambili nomsebenzi wethu singaphazanyiswa zizinto ezithethwa ngaphandle enkampini yethu,” uvale ngaloo mazwi uTinkler. Emdlalweni olandelayo, iCity yamkela iStellenbosch esiyingozi kakhulu eCape Town Stadium ngorhatya ngoMgqibelo.
Imidlalo yeDStv:
Lwesihlanu: Swallows vs AmaZulu @Dobsonville Stadium, 19:30
Mgqibelo: Sekhukhune United vs Mamelodi Sundowns @Peter Mokaba Stadium, 15:00; Golden Arrows vs TS Galaxy @Princess Magogo Stadium, 15:00; Cape Town City vs Stellenbosch @Cape Town Stadium, 17:30; Maritburg United vs Chippa United @Harry Gwala Stadium, 20:00; Kaizer Chiefs vs Richards Bay @Moses Mabhida Stadium, 20:00
Cawe: Royal AM vs Marumo Gallants @Chatsworth Stadium, 15:00; SuperSport United vs Orlando Pirates @Lucas Moripe Stadium, 17:30
Obelahlekile ufunyenwe edlwengulwe ebulewe kwigumbi likamzala