USenong uvuyela Amajita

Umqeqeshi weqela lesizwe, Amajita, wonwabe kakhulu emva komsebenzi omhle ngempelaveki.

Ukonwaba kwakhe kuphenjelelwa yimpumelelo yaMajita azibethele iNamibia emvakwemini ngoMgqibelo odlulileyo kumdlalo wesibini wokuzibekela indawo kwitumente ye-Afrika yamaqela abadlali abangaphantsi kwamashumi amabini eminyaka.

Iqela loMzantsi Afrika khange liqhelisele zisuka kuba liye kula mdlalo liyokuqonda kakuhle ukubaluleka kwawo. Ifolosi ekujongwe ukuba ingasombulula iingxaki zeBafana Bafana kwiminyaka ezayo, uFagrie Lakay, nguye efake igowuli lokuqala ngomzuzu wamashumi amabini anesihlanu.

Laze elesibini lafakwa nguLiam Jordan. Njengokuba ngoku Amajita edlulela kumjikelo olandelayo, uThabo Senong, wonwabe kakhulu.

“Ndiyavuyisana nabadlali bethu ngegalelo abalenzileyo kulo mdlalo. Le veki iphelileyo ibixakeke kakhulu enkampini yethu ngoba abadlali bethu kwelinye icala bebefundela ukubhala iimviwo zesiqingatha sonyaka,” utsho uSenong.

“Ukuba amathuba besiwasebenzisa kakuhle, kula mdlalo ngesiphumelele ngamagowuli amathathu okanye amane, asikwenzanga oko ngenxa yengxaki yokudlala ngamathuba. Siphumelele ngoba sidale amathuba emdlalweni, namathuba esiwafumeneyo sawasebenzisa,” utshilo uSenong.

pedro.mapelo@inl.co.za