Emva komdlalo wokuqala njengomqeqeshi oyintloko, uThabo September ushiyeke edanile ngenxa yeziphumo ezifunyenwe yiChippa United. Oku kwenzeke emva kokuba iqela lakhe libambene neMarumo Gallants ngamagowuli amabini macala emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium ngempelaveki egqithileyo.
Nangona iChippa iwuqale kakuhle umdlalo ngokuhlasela ebaleni ebeligcwele abalandeli bayo – kodwa iye yazibetha ngokuvumela iMarumo Gallants ifumane igowuli kuqala emdlalweni. Ngethamsanqa layo iChippa, uBienvenu Eva Nga ukhawuleze walifumana igowuli lokulinganisa emva komsebenzi omhle owenziwe nguAphelele Teto.
Emva kwemizuzu embalwa, uJustice Tshabalala ufake igowuli lesibini leChippa United elungisa impazamo ayenzileyo ukuze iMarumo Gallants ifumane ipenela kwangoko kwisigaba sokuqala. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kukho ithemba lempumelelo ngoba iMarumo Gallants igqibe isigaba sokuqala ingaphelelanga ngenxa yomdlali ofumene ikhadi elibomvu.
Umhlola wenzileyo iChippa United, iyeke iindwendwe zafumana igowuli lokulinganisa kwisigaba sesibini. Khange ikwazi ukufumana igowuli lesithathu ngoba iMarumo Gallants iye yavala onke amazibuko. Ethetha emva komdlalo, uSeptember uzamkele iziphumo zomdlalo – kodwa ekhwina ngoba iqela lakhe liphise ngawo umdlalo sele liwufumene.
“Siwuqale kakuhle umdlalo, noxa sense impazamo kwavela ipenela. Kodwa emva koko iqela lisebenzile lafumana amagowuli amabini,” utshilo umqeqeshi ethetha neentatheli. Ukhale kakhulu ngeentsuku ezininzi iqela lakhe lingadlali ngokufanayo namanye amaqela. Nakubeni kunjalo, uSeptember uthe kufuneka iChippa United izame ukunyusa iikawusi emidlalweni elandelayo.
“Siyalamkela inqaku elinye – kodwa kufuneka silungiselele ukudibana nePolokwane City. Umdlalo wethu weNedbank Cup eza kudibana kuwo neGolden Arrows uza kusinceda silungiselele umdlalo wethu nePolokwane City,” utshilo uSeptember ongene endaweni kaKwanele Kopo ohambe ekuqaleni kwalo nyaka.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup