Akubangakho qela elifuna ukoyiswa emdlalweni wokuqala weBetway Premiership entsha. IRoyal Am ibambene ngegowuli elinye macala neCape Town City emdlalweni obushushu eHarry Gwala Stadium emalanga namhlanje.
Ugoduka ephoxekile uEric Tinkler ngoba iqela lakhe litsazise igazi kuqala ngegowuli lukaPrins Tjiueza kwisigaba sokuqala – kodwa layekelela kwisigaba sesibini. Ibuye icaphukile iRoyal Am kwisigaba sesibini. Igowuli elifakwe ngiMotebang Sera liyihlangule isecicini lokubethwa iRoyal Am emdlalweni wokuqala phambi kwabalandeli bayo.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla iqela laseKapa liphala phambili ngegowuli elinye eqandeni. Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu. Omabini amaqela aqale umdlalo ebonakalisa iimpawu zokunxanelwa ukuphumelela. Amakhwenkwe kaTinkler ophise kuqala ngegowuli elihle elifakwe yifolosi yaseNamibia, uPrins Tjiueza.
Izamile ukulungisa izinto iRoyal Am ngokuya phambili. UMaxwele noSithole bazamile ukukhabela iipali – kodwa uDarren Keet ebethe qwa encediswa ngoogxa bakhe amva. Iqela likaTinkler liyicinezele iRoyal Am esiswini ebekutshila kuso uMokotjo noDomingo.
Oyena nozinti obexakekile kakhulu ibinguXolani Ngcobo ngoba uGonzalez, uRhodes noTjiueza bazamile ukufumana igowuli lesibini – kodwa ngelishwa enye ibhola inqandwe yipali. Ibuye ivutha bhe iRoyal Am kwisigaba sesibini. Khange idlale nto ebhadlileyo iCape Town City ngaphandle kokuvala amazibuko.
Bekunzima ukugqobhozo ngoba uKeet ebeqokelela zonke iibhola. Ekuhambeni kwexesha, uJohn Maduka wenze iinguqu eziyinike amandla ngakumbi okuhlasela iRoyal Am kwisigaba sesibini. Omnye wabadlali abangene kwisigaba sesibini, uMotebang Sera ufike wabhakuzelisa umnatha ngebhola entle kakhulu ayibeke ekoneni phezulu.
Igoduka iphoxekile iCape Town City emva kokulawula umdlalo nokukhokela ngegowuli ixesha emdlalweni. Umdlalo uphele amaqela ebambene ngegowuli elinye macala.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’