USerame ulamkele inqaku elinye

Umqeqeshi weBloemfontein Celtic, uSerame Letsoaka, uvuyela inqaku elinye alifumeneyo kumdlalo obuphakathi kweqela lakhe neKaizer Chiefs ngoLwesithathu eFNB Stadium.

Amakhosi oyisiwe kwakhona kukufaka amagowuli kumdlalo obubanda ceke ophele kungekho liphumelelayo. ICeltic ityelele iFNB Stadium ikwimeko encumisayo emva kokubetha i-Ajax Cape Town ngo’5-0 kwiveki ephelileyo.

Nakulo umdlalo amathuba ebekhona okuphumelela. “Phantsi kweemeko ndiyavuya sikwazile ukufumana inqaku. USteve uqinisekise ukuba uyabavala abadlali bethu abanesantya,” utshilo uLetsoaka.

Yena umqeqeshi weChiefs, uSteve Komphela, uvumile ukuba iCeltic ilisokolisile iqela lakhe. “Ndicinga ukuba umdlalo ubunzima, khange basinike thuba lokudlala ibhola yethu yesiqhelo,” utshilo uKomphela.

Ezi ziphumo ziyigcine kwindawo yesine iChiefs. Kanti komnye umdlalo iJomo Cosmos ibuye nenqaku emva komdlalo ne-Ajax Cape Town ophele ingu’2-2 eKapa.