USerena yingqwele kwiGrand Slam

Iqela lebhola ekhatywayo leMpuma Koloni elidlala kwiNational First Division, uMthatha Bucks, libuyela enkomeni kule mpelaveki emva kokuthi khebevu iveki ngenxa yemidlalo yehlabathi.

Amathol’ amnyama atyelela iWitbank Spurs kumdlalo weNFD ozakube udlalelwa ePuma Rugby Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. eli qela liya kulo mdlalo linamadla emva kokuphumelela umdlalo walo wokuqala.

Kungoku nje iBucks ihleli kwindawo yokuqala. USihle Maso noPetrus Ngebo bazakuphoswa ngulo mdlalo – kodwa yena uSamkelo Ndletyana uyebuya kunqunyanyiso.