Ikamva likaThulani Serero kwiqela lakhe laseNetherlands, i-Ajax Amsterdam, limfiliba kwaye akonwabanga konke konke. Njengokuba amaqela elungiselela isiqendu esitsha sesizini, yena uSerero akayiyo inxalenye yabadlali ababhalisiweyo kwaye uxelelwe ukuba ayoziqeqesha neqela labadlali abasakhulayo.
Lo nto icacisa mhlophe ukuba ikamva lakhe alikho kwi-Amterdam. Lo mdlali weBafana Bafana azimhambelanga kakahle izinto kwiqela lakhe ukuqala kwisizini ephelileyo, kodwa uye wahlala kuba enethemba lokuba zinto zingangcono.
Esi sigqibo sithathwe ngabaphathi be-Ajax Amsterdam ngoba naye umqeqeshi, uPeter Bosz, ubonakele njengomntu ongenalwazi futhi esingamonwabisanga isigqibo ngalo mdlali. “Ndifumene uluhlu labadlali be-Ajax mna, yena ebengekho kwaye isizathu andisazi.
Yonke into ixhomekeke kubaphathi,” utshilo umqeqeshi kumajelo eendaba. Enye yezinto ekucingeleka ukuba ikhokelele kwesi sigqibo kukukhathazwa kukonzakala. Okubonakalayo ngoku kukuba i-Ajax izivulile izandla zayo kumaqela anqwenela ukumthenga lo mdlali.
Isivumelwano sikaSerero sengqesho siphelelwa kunyaka ozayo. Emva kokudlala kakhuhle kwisizini yePremiership kweli lizwe loMzantsi Afrika ngo-2011 ngethuba engumdlali we-Ajax Cape Town, wathathwa lo mdlali ngezigidi zeeRandi.
USerero unamagowuli alishumi phantsi kwegama lakhe njengomdlali we-Ajax emva kwemidlalo elikhulu elinamashumi amabini ananye. Nangona imeko yakhe injalo uSerero, kodwa akulindelekanya abuyele eMzantsi Afrika okwangoku.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?