USesona Tshume ulambele ukuyozivocavoca kwitumente yezizwe eNetherlands

Sesona Tshume ngowaseGqeberha.

Intwazana aseGqeberha eselula, uSesona Tshume, izimisele ukulibamba ngazo zozibini ithuba lokumela uMzantsi Afrika kunyaka ozayo eYurophu. UTshume, 14, waba ngundabamlonyeni kunyaka ophelileyo ngenxa yemifanekiso yakhe yemithambo eyayithe tshitshilili kuFacebook. Ngelo xesha, uSesona wayebonakala ukuba unawo umdla kwimithambo (Gymnastics) nangona wayengenayo indawo aziqeqesha kuyo.

Ngethamsanqa lakhe, umama wakhe, uZukiswa Tshume, uye wayokubekwa eGqeberha ngumsebenzi ngo-2021, watsho wafumana iqela lakhe elitsha elimncedayo kwikhondo lakhe. Kungaphelanga nonyaka ephantsi kwe-Ibhayi Rhythmic Gymnastics, umqeqeshi wakhe umfake kuluhlu lwabadlali abangamashumi amabini abaza kuya kukhuphiswano lwemithambo, iWorld Gymnastrada, eliza kusingathwa yiAmsterdam, eNetherlands.

Ethetha neli phephandaba, uSesona uthe kuyamchulumancisa kakhulu ukuya kwakhe eYoruphu emva kwexesha elifutshane edibene nomqeqeshi wakhe omtsha. “Mna ndingumntu owenza imithambo (Gymnastics). Ndiqale kunyaka ophelileyo kwaye kumnandi kakhulu. Eqeleni lam ndifike ndafunda izinto ezintsha. Ndiyakuvuyela ukuya phesheya futhi andoyiki tu,” utshilo uSesona.

Unina okwicandelo leendaba kwaSABC uthe kukho umahluko omkhulu njengokuba uSesona efumene iqela. “Intle kakhulu inkqubela ngoku afumene iqela apha elitsha,” utshilo umama kaSesona ngovuyo olukhulu. “Ekuqaleni kwakhe le nto yemithambo wayezenzela, ebuka iividiyo kumakhasi omnatha (internet). Eqeleni lakhe bavele bamsa kwinqanaba lesibini (Level 2) ngenxa yendlela akhule ngayo emdlalweni. Sele efumene nembasa yesilivere ngoku alapha eGqeberha.

“UTitshala wakhe uthe kukho ukhuphiswano (Talent Africa) oluzayo kwinyanga ezayo kwaye bafuna aye nase-Amsterdam kunyaka ozayo. Ndiyavuya ngoba uza kuqaqambisa italente yakhe emazweni,” utshilo uTshume. Umqeqeshi wakhe, uShantell Smith, umchaze uSesona njengomntana ofunda msinya kakhulu futhi oluncedo kwabanye abantwana. “Uqhuba kakuhle kakhulu. Eyona nto ethandekayo ngaye kukuba uyibamba ngokukhawuleza into ayifundiswayo. Sinethamsanqa ukuba nomntu onje ngoSesona ngoba ufundisa abanye abantwana,” utshilo uSmith.