UShabba ubuyele kwiqela lesizwe kwakhona

Siphiwe Tshabalala of South Africa during the international friendly between South Africa and Algeria at Orlando Stadium in Johannesburg, South Africa on January 12 2013©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi weqela lesizwe, uStuart Baxter, ubize umdlali odlala esiswini kwiKaizer Chiefs, uSiphiwe Tshabalala, ukuba abe yinxalenye yeqela lakhe elizakujongana neSenegal kwimidlalo emibini yokuhlakulela indebe yelabathi ezakube iseRussia ngo-2018.
Abadlali abaninzi akabasebenzise kwimidlalo
edlulilelo ubagcinile – kodwa  wamkele ukapteni weBafana Bafana uThulani
Hlatshwayo, u-Erick Mathoho obenqunyanyisiwe noDean Furman.

UBongani Zungu, owafumana ikhadi elibomvu
kumdlalo obuphakathi kweBafana neBurkina Faso, ufakiwe kweli qela kodwa ulinde
isigqibo seFIFA njengokuba iSAFA yaye yafaka isibheno ngokunikwa komdlali
ikhadi elibomvu. UStuart Baxter uthe: “Ndingathanda
ukuba nabo bonke abadlali kodwa oko kubonakala kungenokwazi ukwenzeka. Sisalinde
isigqibo ngoZungu – kodwa kufanele siqhubele phambili nomsebenzi. Ungacinga
ukuba umdlalo weBurkina Faso ngumdlalo wamagqibela kangqoyi – kodwa oweSenegal
ubaluleke kakhulu. Ayikho enye into esizakuyenza ngaphandle kokuba siphumelele
umdlalo ukuze sikwazi ukuya eRussia. Wonke umntu uyazi ukuba kufanele sibuye
neziphumo kulo mdlalo. Sadlala kakuhle sidlala neBurkinable kodwa kusele kuthi
ukuba siphumelele.”

UMzantsi Afrika kufanele ubethe iiLions of Teranga
kwimidlalo yomibini kaGroup D. IBafana Bafana yayibetha iSenegal ngo’2-1 kunyaka
ophelileyo ePolokwane –  iFIFA yafumanisa
ukuba usompempe waseGhana, uJoseph Lamptey, owayephethe umdlalo, enetyala
lokwenza gwenxa emdlalweni. IBafana
neSenegal zibuyela ePeter Mokaba Stadium ngomhla weshumi kwinyanga ezayo
ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa.

Amagama wabadlali

Oonozinti :
Khune, Williams, Sandilands

Emva: Mkhize, Daniels, Mathoho, Madisha, Gould, Hlatshayo, Langerman, Hlanti

Esiswini: Kekana, Furman, Dolly, Jali, Mokotjo, Vilakazi, Zwane, Zungu, Serero, Mahlambi, Manyama, Tshabalala

Iifolosi:Tau, Gobler, Ndlovu