UShakes akafuni ukulahla ithemba

Umqeqeshi weBafana Bafana, uShakes Mashaba, ubhengeze iqela lakhe labadlali abazakuthi baqubisane neGambia ngomhla wesine kwinyanga ezayo kumdlalo wokuzibekela indawo kwi 2017 AFCON.

UMzantsi Afrika ukwindawo yesithathu kuGroup M, kodwa amathemba okuya kwitumente ye-Afrika ezayo ambalwalwa. Nangona kunjalo, uMashaba uthi makuyiwe phambili.

Uphantsi koxinizelelo olumandla uMashaba emva kokuba iqela lakhe lingakwazanga ukubetha iCameroon kwimidlalo emibini edlulileyo.

Owokuqala waphela ngo’2-2, omnye ngo’0-0. wenze iinguqu uShakes kwiqela lakhe elitsha. Kukho abadlali abafana noBrighton Mhlongo, Ramahlwe Mphahlele, Diamond Thopola, Teboho Langerman noDean Furman kanti noKeagan Dolly ubuyile.

Ingxaki akuyo uyayazi ukuba akusoze kubelula ukuphuncula kuyo uShakes. “Enyanisweni sisengxakini kodwa kufuneka siye phambili. Savuma ukuba imidlalo esayidlala neGambia neMauritania yasichana. Kodwa okubalulekileyo kukufumana amanqaku kule midlalo iseleyo,” utshilo uShakes. Bafana Bafana:

Oonozinti: Itumeleng Khune, Jackson Mabokgwane, Brighton Mhlongo

Emva: Ramahlwe Mphahlele, Diamond Thopola, Thabo Matlaba, Erick Mathoho, Sifiso Hlanti, Rivaldo Coetzee, Teboho Langerman

Esiswini: Andile Jali, Thulani Serero, Thapelo Morena, Mpho Makola, Mandla Masango, Hlompho Kekana, Keagan Dolly, Dean Furman, May Mahlangu

Iifolosi: Thamsanqa Gabuza, Sibusiso Vilakazi, Ndumiso Mabena, Thobani Mncwango