
Umqeqeshi weBafana Bafana, uShakes Mashaba, uthi iqela lakhe lidlale kakuhle kakhulu ngaphandle nje kwempazamo eliyenzileyo yokuvumela iMauriatania ifake igowuli kwangoko emdlalweni izolo.
ABafana Bafana badlale ntanganye neMauritania ngo’1-1 kumdlalo ohlakulela i2017 Africa Cup of Nations eMbombela Stadium izolo ebusuku.
UMzantsi Afrika udlale ibhola yawo eqhelekileyo – kodwa impazamo oyenzileyo kukuvumela iMauritania ifumane igowuli kuqala kulo mdlalo ngoba lo nto iwufake phantsi koxinizelelo kakhulu [uMzantsi] futhi yanika iindwendwe amandla.
UShakes Mashaba, obenethemba lokuvala imidlalo kaGroup M ngokufumana impumelelo, ushiyeke ephoxekile kwakhona emva kokungaphumeleli nomnye umdlalo ekhaya kwimidlalo yokuzibekela indawo kwi-Afcon ezakube isingethwe yiGambia ekuqaleni konyaka ozayo.
“Ndicinga ukuba abadlali benze umsebenzi omhle. Besiwulawula umdlalo – sizichane ngokuvulela igowuli. Ela gowuli balifumeneyo [abadlali beMauritania] lifakwe ngumdlali osuke nebhola phakathi ebaleni. Kwenzeke into efanayo nakula mdlalo wokuqala. Sithethile ngezi zinto phambi komdlalo,” utshilo uMashaba izolo.
UMzantsi Afrika uyakwazi ukudlala ibhola, ukudala amathuba okufaka amagowuli – ingxaki ilapha ekubefakeni ibhola emnatheni.
“Maninzi amathuba esiwafumeneyo kakhulu. Sidinga nje abadlali ababini abanokuthi bakwazi ukulawula ibhola emhlabeni kanozinti aphinde akwazi nokugqibezela iibhola azifumanayo,” utshilo uMashaba
Amakhwenkwe kaShakes ngebuye noloyiso ukuba uThamsanqa Gabuza ebekwazile ukuyifaka ipenela yakhe ebanjwe yathula cwaka ngunozinti weMauritania emdlalweni.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo