UShakes Mashaba unqunyanyisiwe yiSAFA

UShakes Mashaba ngumqeqeshi weBafana Bafana. Umfanekiso: BackpagesPix

Ezingena ngale njikalanga iindaba zithi umqeqeshi weBafana Bafana, uShakes Mashaba, unqunyanyisiwe ngumbutho olawula ibhola kweli lizwe – iSAFA. Akukho nkcukacha zikhutshiweyo ngabaqeshi bakaMashaba ngaphandle kokuthi (kwukhasi lonxibelelwano) kukho into engamkelekanga eyenzeke izolo. Imbalelwano

ekhutshiweyo ifundeka ngolu hlobo: “Umqeqeshi oyintloko, u-Ephraim “Shakes” Mashaba, akazukuba yinxalenye yeqela lesizwe eliya eMozambique nanjengoko lo mbutho ubone kufanelekile ukuba umthawuzise phambi kwekomiti yoluleko (uMashaba) emva kwesehlo esenzeke ePeter Mokaba Stadium izolo. Isekela mqeqeshi, u-Owen Da Gama, nguye uzakuxhuzula imikhala kumdlalo wobuhlobo ophakathi kweBafana Bafana neMozambique ngoLwesibini weveki ezayo eMaputo. Ngokwesithethe sethu kulo mbuthu, akukho nkcazelo ngalo mba ezakukhutshwa kwakhona kude kuqosheliswe inkqubo.”

Oku kwenzeka kanye emva kokuba uMzantsi Afrika izolo ubethe iSenegal ngo’2-1 kumdlalo wokuzibekela indawo kwindebe yehlabathi ka’2018. Lo kaMashaba ebesoloko enukelwa lizembe emva kokuba iqela lakhe lingakwazanga ukufumana indawo kwi-2017 Afcon ezakudlalwa ekuqaleni konyaka ozayo.