UShakes neSafa baxoxa uchuku

Umqeqeshi onqunyanyisiweyo weBafana Bafana uShakes Mashaba umfanekiso: Samuel Shivambu/Backpagepix

Ikamva likaShakes Mashaba alicacanga emva kokunqunyanyiswa kwakhe okothuse umzi.

UMzantsi Afrika ubethe iSenegal ngo’2-1 kumdlalo ohlakulela indebe yehlabathi ka’2018, ePeter Mokaba Stadium, ebithe yaba ngabalandeli abangaphaya kwamashumi amabini anesihlanu amawaka ngoMgqibelo odlulileyo.

UThulani Hlatshwayo noThulani Serero ngabo abafake amagowuli empumelelo.

Ngenjikalanga yangeCawe, iSafa, ibhengeze kuTwitter ukunqunyanyiswa komqeqeshi ngenxa yento eyichaze ‘njengenyamezelekiyo’.

Imbali embi yeqela likaShakes kwimidlalo ebalulekileyo – yenze abakhi mkhanyo bathandabuza ukuba uMzantsi Afrika ungabetha isizwe esinabadlali abaphezulu njenga beSenegal.

Ukuphumelela kwakhe uShakes, kwangoko, ukhwele ezehlela kubagxeki bakhe emva komdlalo.

“Ithetha ukuthini le mpumelelo kum? Yinto efana nokuzalwa ngokutsha. Ndingcwatywe kungekadlalwa; le nto indenze ndaziqhelisa ukungawathengi amaphephandaba ngoba aphinda into enye,” utshilo uShakes.

Ingxelo ithi uShakes ukhwel’ezehlela esidlangalaleni kumongameli weSafa, ugqirha Danny Jordaan, amtyhole ngokungamniki inkxaso epheleleyo. Lo nto inyanzele izikhulu zeSafa ukuba imse kwikomithi yoluleko.

Ngoku kubonakala ngathi ingasetyenziswa le nto ngabathile kwiSafa njengecebo lokumsusa esihlalweni uMashaba ukuze kuqeshwe mntu wombi endaweni yakhe. Bekusoloko kukhona ukungoneliseki okukhoyo kubaphathi beSafa – kodwa zange kubekho nto yenzekayo.

Ukuba abonelisekanga yindlela yindlela iqela elidlale ngayo neSenegal – angakhonjwa emnyango uShakes.

Bekufanele bonke kwiSafa babeke iingqondo zabo kwimidlalo ezayo ukuze kuqinisekiswe ukuba iBafana Bafana iyaya kwindebe yehlabathi ezakube iseRussia ngo’2018 – kodwa endaweni yoko kuxoxwa uchuku yiSafa nomqeqeshi.

UMzantsi Afrika ukwindawo yesibini kuGroup D – kodwa ukungabikho kozinzo kwiqela, nale izayo indebe yehlabathi – iyakuphoswa yiyo iBafana Bafana.