UShakes ufuna ukudlala kwiPRO 14

USiviwe “Shakes” Soyizwaphi uthi ukusebenza ngokuzimisela kuko okubeke endaweni entle iBlitzboke kule sizini.

Le nzalelwane yaseMthatha, 29, ibi yinxalenye yeBlitzboks ephumelele iWorld Sevens Series iisizini ezimbini zilandelelana.

IBlitzboks iyikhusele ngempumelelo iWorld Seven Series emva kokujijisana neFiji ngendawo yokuqala ixesha elide.

Le ndedeba imqhwabela izandla umqeqeshi weBlitzboks uNeil Powell.

“Ndimqhwabela izandla umqeqeshi wethu uNeil Powell, uyakwazi ukusikhuthaza xa siphantsi koxinizelelo,” utshilo uSoyizwaphi.

USoyizwaphi uthi unzima kakhulu umdlalo wombhoxo wabadlali abasixhenxe.

“Ayilulanga imidlalo yabadlali abasixhenxe ngoba nidlala nibambalwa, ukwenza kwakho impazamo kulifaka engxakini iqela lakho,” utshilo.

Le ndedeba yaseMthatha idlalele amaqela afana neBorder Bulldogs neSouthern Kings.

Eli gatyana lidlala ephikweni lalikhona kwiSouthern Kings ngethuba yayise yinxalenye yeSuper Rugby ngo2013.

Nangona ekonwabela ukudlala imidlalo yombhoxo wabadlali abasixhenxe, uSoyizwaphi uthi usafuna ukubuyela kumbhoxo wabadlali abalishumi elinesihlanu.

“Ndilonwabele ixesha lam kwimidlalo yabadlali abasixhenxe, kodwa ndisafuna ukubuyela kwimidlalo yabadlali abalishumi elinesihlanu. Ndinqwenela ukudlala kwitumente efana nePRO 14, ukudlala kwiitumente ezifana nayo kuvula amathuba okuya naseYurophu,” utshilo uSoyizwaphi.

isibhalo@inl.co.za