UShalulile uhlangule iHighlands Park isengxakini ngomzuzu wokugqibela eHarry Gwala Stadium

Richard Mbhele of Highlands Park challenged by Thabiso Kutumela (l) and Nazeer Allie of Maritzburg United during the Absa Premiership 2019/20 match between Maritzburg United and Highlands Park at the Harry Gwala Stadium, Pietermaritzburg on the 09 August 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Ugoduka exolile
u-Owen Da Gama emva kokuba iqela lakhe lifumene igowuli lokulinganisa ngomzuzu
wokugqibela emdlalweni wanamhlanje. IHighlands iguduka igokoqoza nenqaku elinye
emva kokubambana ngegowuli elinye macala (1-1) neMaritzburg United emdlalweni
we-Absa Premiership obubanjelwe eHarry Gwala Stadium kobu busuku. Igowuli elihlangule
iHighlands Park lifakwe sisikhuthali, uPeter Shalulile,
ngomzuzu wokugqibela emdlalweni obulawulwa yiMaritzburg United ixesha elide.
Omabini amaqela aye emdlalweni ezingela impumelelo yokuqala kule sizini emva
kokubethwa kwawo kwiveki ephelileyo.

Njengoko bekulindelekile,
umdlalo uqale ngezinga eliphezulu ngoba bekudlala amaqela ayibeka phantsi
ibhola – kodwa athanda ukusebenzisa isantya. Ifolosi yeTeam of Choice, uThabiso
Kutumela,  ifumene ithuba elihle lokufaka
igowuli emizuzwini yokuqala emdlalweni – kodwa ngelishwa lakhe ibhola ibanjwe
nguMarlon Heugh. Iqela lika-Eric Tinkler liwulale ngokupheleleyo umdlalo –
phofu kufanelekile ngoba belidlalela phambi kwabalandeli balo. UKwanda Mngonyama
ufake ibhola ebisuka kuMigel Timm emizuzwini yokuqala kwisiqingatha sesibini. Umsebenzi
omhle owenziwe yiMaritzburg wonakele kwizuzu yokugqibela ngethuba uShakulile
engcangcazelisa umnatha.

  

Maritzburg United:
Ofori, Xulu, Allie, Morgan, De Reuck, Mngonyama, Timm, Claasen, Kutumela,
Mokate, Shandu.

Amalalela: Mpandle, Ntshangase, Mekoa, Buchanan, Moseamedi,
Lea’alafa, Jappie.

Highlands United: Heugh, Mokoena, Ramoraka, Fransman, Mzava, Mbhele,
Makhaula, Mvala, Shalulile, Jooste, Ramagalela.

Amalalela: Ngobeni, Mogaila, Rae, Msane, Mahlangu, Mbatha, Ndoro.