UShiyeke enesigqukru uShandu kukubethwa kwePirates kwiNedbank Cup

UBandile Shandu ngumdlali wasemva kwi-Orlando Pirates. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Izikhotha amanxeba i-Orlando Pirates emva kokukhutshwa yiMarumo Gallants kwiNedbank Cup. Emdlalweni oye kwixesha elongezelelweyo emva kokubambana ngegowuli elinye macala, iMarumo Gallants ibethe iPirates ngo’5-4 kumapenela emdlalweni weNedbank Cup obunzima macala ePeter Mokaba Stadium. Emva kwempumelelo, uDan “Dance” Malesela, udanisele iqela lakhe eliye kwisigaba esilandelayo seNedbank Cup ekukho kuso iMamelodi Sundowns ivuthulule aMathaithai FC ngemvula yamagowuli amathandathu eqandeni ngoLwesibini wale veki. Omabini amaqela ebenawo amathuba okuphumelela umdlalo kwixesha lomdlalo elimiselweyo – kodwa akubangakho elikwazileyo ukuwasebenzisa kakuhle.

Umdlali wePirates, uBandile Shandu, uyivumile induku kwaye ukubethwa kweqela lakhe kumshiye enesigqukru. Indebe yeNedbank ibilithemba lePirates lokugqibela kwiindebe ezidlalelwa ngamaqela wePremier Soccer League njengokuba itsala nzima emidlalweni yeDStv Premiership. “Ukubethwa kwethu yiMarumo Gallants kushiye igaqa elikhulu emqaleni wam. Lo nto ibangelwa kukuba sidlale kakuhle kakhulu emdlalweni. Elona qela elikwazileyo ukudala amathuba amaninzi sithi – kodwa asikwazanga ukuwasebenzisa. Ibuhlungu kakhulu into esehleleyo – kodwa akuncedi ukukhalela into egqithileyo. Okubalulekileyo kukujongana nomdlalo olandelayo ngoku,” utshilo uShandu koonondaba.

Nangona iPirates iguqiswe phantsi liqela laseLimpopo – kodwa akukho mntu onokuyityhola ngokungazami noxa ibuthuntu nje phambi kweepali. “Sidlala umdlalo omhle kakhulu ebaleni. Into esibethayo kukungakwazi ukuwasebenzisa amathuba esiwafimanayo xa sifika phambi kweepali. Into efunekayo kukumanyana, sibeke iingqondo zethu emidlalweni ngokupheleleyo, siza kuyiphumelela imidlalo,” utshilo uShandu ofake igowuli lePirates emdlalweni. Ezimnyama zikhutshwe kwiNedbank Cup zisophisa emva kokubethwa ngo’2-1 yiKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership obuseFNB Stadium ngempelaveki edlulileyo.