UShonga uthi wonwabile kwiPirates nangona efunwa ePortugal

Justin Shonga of Orlando Pirates challenged by George Maluleka of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2018/19 match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates at FNB Stadium, Johannesburg on 9 February 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

“Ndonwabile
apha kwiPirates kwaye kungekudala, ixesha lokuba ndidlale liza kufika,” utshilo
uJustin Shonga ekuqaleni kweveki ekhaba iingxelo ezithi uyahamba. Le folosi
yaseZambia yayikade ikhokela amajoni weZemimnyama ngethuba zisaqeqeshwa
nguMilutin “Micho” Sredojevic – ohambe kunyaka ophelileyo esiya kwela
seYiphutha kwiZamalek. Izinto azifani ngoku kukho uJosef Zinnbauer. Libathwana
lemidlalo elishumi elinanye kuphela elidlalwe nguShonga kule isizini. Ngaphandle
kwamathandabuzo, yinto emkhathazayo leyo ngoba ebekuqhelile ukubotshwa
no-Augustine Mulenga phambili. UShonga, 23, ngumdlali onesiphiwo esihle
sokudlala ibhola, ukufunwa kwakhe liqela lebhola ekhatywayo lasePortugal
ekuthiwa yiCS Maritimo akothusi. “Andinaso isicwangciso sokuhamba kwiPirates
okwalo mzuzu. Ndonwabile apha kwiPirates, akukho apho ndiyakhona,” utshilo
uShonga ebethelela intembeko yakhe kwikhasi lonxibelelwano leqela lakhe.

“Ndisebenza
ngokuzimisela okukhulu. Kungekudala, abantu baza kundibona ndidlala ebaleni.
Ubomi buhle phantsi komqeqeshi (Zinnbauer) njengangokuya kwakukho uMicho.
Ndiyavuya njengokuba imidlalo iza kubuya kwakhona,” uvale ngaloo mazwi uShonga.
Indawo yakhe yathathwa nguGabadinho Mhango waseMalawi ongoyena mdlali onamagowuli
amaninzi kwiPSL kule sizini. Umanejala kaShonga uxelele amajelo eendaba kwiveki
ephelileyo okokuba kukho iqela elimfunayo umdlali wakhe. “Ewe, likhona iqela
lasePortugal elimfunayo. Into eza kulandela kukuba amaqela omabini athethe
ngaye. Andikwazi ukunaba kakhulu ngoba uqeshwe yiPirates. Xa ewugqibile
umsebenzi, singathetha ke ngokwenzeka ngaphandle kwePirates,” utshilo uKarabo
Mathang. Abaphathi bemidlalo balungiselela ukuqaliswa kwakhona kwesizini
eyamiswa kwinyanga yoKwindla ngenxa yekhorona eyosulele abantu abasukela amakhulu
amabini amawaka kule veki eMzantsi Afrika.