UShonga yifolosi entsha kwiBucs

Justine Shonga

Ifolosi entsha ye-Orlando Pirates uJustine Shonga ilamkele ithuba elinqabileyo elinikiweyo liqela elikhulu eMzantsi Afrika.

UShonga ubhengezwe ngokusesikweni yiPirates izolo kwaye uthi uzimisele ukucangcatha ekhondweni labadlali baseZambia abadlalele iBucs kwiminyaka engaphambili.

Ukufika kwale dyongwana kulandela ukuthengiswa kukaTendai Ndoro ekuqaleni kwale sizini.

“Ndiyakuvuyela ukubalapha. Ukuza kwam apha kuza kundikhulisa kwikhono lam. Ndinomnqweno wokuzenzela igama njengabadlali baseZambia abadlalele iPirates ngaphambili abafana noPerry Mutapa no-Isaac Chanca,” utshilo.

Nangona uShonga, 20, eselula ngokweminyaka – kodwa sele elidlalele iqela lesizwe lakhe.

IPirates indwendwela iPolokwane City kumdlalo wePSL ozakube usePeter Mokaba Mokaba ngo’20:15 ngoMgqibelo.

Ezimnyama zizingela impumelelo emva kokubethwa ngo’1-0 yiBidvest Wits kwiveki ephelileyo.

UThamsanqa Sangweni, obekhonkxwe kukonzakala, kulindeleke abuyele kwiqela eliza kuqala umdlalo.

Emva kokuqala kakuhle isizini entsha, iBucs ihleli kwindawo yesithathu kwiPSL.