USibusiso Zuma neMrwetyane Foundation banceda ulutsha kuCentane!

Iqela lebhola ekhatywayo lakuCentane liphiwe ikiti nguSibusiso Zuma emva kokuphehlelelwa kwetumente entsha eququzelelwa yi-Uyinene Mrwetyana Foundation. Umfanekiso: Anele Raziya

Owayefudula eyifolosi yaBafana Bafana, uSibusiso Zuma, ukhuthaze ulutsha lakuCentane ngelithi malizimisele emidlalweni ngoba iyakwazi ukubuguqula ubomi bomntu. UZuma ebe sisithethi esiphambili ngethuba umbutho olwisana nempathombi ekuthiwa yi-Uyinene Mrwetyana Foundation uphehlelela itumente yebhola ekhatywayo kwimpelaveki egqithileyo. Itumente entsha ziinzame zeMrwetyane Foundation zokhwaka amadoda wangomso. Kongwengxelo ekhutshwe ngumbutho, injongo ephambili kukulwa izenzo ezibi ezijoliswe ebantwini, ngakumbi koomama nabantwana.

La matiletile enziwa yiMrwetyana Foundation aphenjelelwa kukubulawa kuka-Uyinene Mrwetyana owayengumfundi weyunivesithi yaseKapa (University of Cape Town) ngo-2019. “Injongo yethu ephambili kukuxhobisa ulutsha ukuze sikhuphe abazali bangomso ababhetele kwiindawo abahlala kuzo ngokwahlukana kwazo. Ngeenkqubo zethu sizama ukufundisa amadoda ukuze ayenze indima yawo kwakufika ixesha,” utshilo uNomangwane Mrwetyane kwingxelo ebhaliweyo.

Nangona kuphehlelelwe itumente – kodwa umhla wayo awukaziswa. UZuma ubalisele ulutsha indlela awakhula ngayo nendlela ayihambileyo phambi kokudlalela amaqela afana ne-African Wanderers, i’Orlando Pirates neF.C. Copenhagen phakathi kwamaqela awadlaleleyo. Ngeentsuku zakhe zobutsha, uZuma wayelithemba laBafana Bafana elikhulu. “Silapha kuba sizama ukunceda ulutsha lale ndawo. Ndithe mandize apha ukuze ndinike abantwana ithemba. Into endifuna ukuyibethelela ebantwaneni balapha yile: ndikhulele endaweni efanayo nale yenu,” utshilo uZuma.

“Ndizivile izithethi phambi kwam zithetha ngabafana abema ezikoneni, ezivenkileni nabanye abasebenzisa iziyobisi. Ezo zinto zonke ndiyazazi futhi bendihamba ngeenyawo ekukhuleni kwam njengabanye abantwana endibabone apha. Ekukhuleni kwam, ndasebenzisa into endandiyithanda, ibhola ekhatywayo ebuguqulayo ubomi bomntu. Ndasuka ezikoneni emva kokudutyulwa kwetshomi yam. Ukusukela ngoko, ndagqiba kwelokuba kubekho into endiyenzayo ngobomi bam.

“Ndandivuka ekuseni xa umama elungiselela ukuya emsebenzini ndiye ejimini. Abantu bale ndawo kufuneka bazame baqinisekise ukuba ulutsha luya xakeka ngamaxesha onke. Malingabikho ixesha lokuhlala ezikoneni. Makudlalwe, hayi ibhola ekhatywayo kuphela. Okwandincedayo mna yaba kukuba ndandiyithanda ibhola. Zininzi izinto abantwana abanokuzenza – kodwa siza kunceda apho esinokwazi khona. Umntu makajime ukuze kuthi xa kufika ithuba, abe elungile. Yafika iFC Copenhagen yaseDenmark.

Futhi abantu abatsha mabohlukane ngokucinga ngamaqela amakhulu xa becinga ngokudlala ibhola. Sebenza ngokuzimisela ngoba indlela osebenza ngayo yeyona eza kuvulela amathuba,” utshilo uZuma ophe abantwana ikiti entsha ngelizama ukubakhuthaza nokuqinisa ithemba. Akhona amahumhum athi uZuma uza kukhangela umdlali omnye kuCentane oza kuya kwiqela awayelidlalela eDenmark. Kodwa lo nto ayikabhengezwa ngokusesikweni ngabaququzeleli betumente.