‘Usibuyisile isidima sakhe uMakazole Tete’

Imbethi-manqindi yaseMdantsane, uMakazole “Proffessor” Tete, nobekukhe kwavakala amahum-hum wokuba uyenye yeembethi-manqindi ezingalawulekiyo ubadanisile abagxeki bakhe ngokuhlwa ngoMgqibelo, kwiholo i-Indoor Sports Centre.

UTete ungombe kanobom emzimbeni uSelemani Bangaiza waseTanzania kumjikelo, nothe wafika wagabha ekoneni, nto leyo iye yanyanzelisa ukuba usompempe ebexhuzul’imikhala kulo mlo * -Alla Matakane, awuchithe umlo.

UTete ebesilwa okokuqala phambi kwabalandeli bakhe eMonti kulo nyaka emva kokubadanisa xeshikweni ewiswa kabuhlungu nguJonas Sultan wasePhilipine kumlo owawubanjelwe kwakweli holo ngeyoMnga ngo-2016.

UTete umncomile kakhulu uSelemani Bangaiza emva komlo wabo. “Bendimthatha kancinci, akalulanga la mfana. Ndiyambulela uThixo ngokundipha amandla,” utshilo.

Le mbethi-manqindi iphumelele imilo elishumi elinesixhenxe kwimilo engama-21 eyidlalileyo. Le ndedeba iyibulele kakhulu inkxaso eyifumene kubalandeli bayo.

“Ndiyambulela wonke umntu ondixhasileyo yaye ndiyathembisa ukuba ndizakuzimisela ngakumbi ukubheka phambili”, utshilo uTete.

Ezinye iziphumo zime ngolu hlobo: USharadene Fortuin waseSeymour ngaseBhofolo, ubethe * -Ellen Simwaka waseMalawi ngamanqaku kumlo wamanenekazi obunemijikelo esibhozo kudidi lweNtambanani.

UBonanani Ngozi waseBorder Post uphaxule ngothotho lweempama uMpumelelo Nkenkeni waseBhayi wade wamngqengqisa kumjikelo wesihlanu.

USimbulele Petela waseLeaches Bay uphumelele ngamanqaku ebetha * -Anathi Stelle waseMdantsane.

Komnye umlo, uSiphenathi Nobande wase-Amalinda, obeqala ukulwa njengembethi-manqindi ehlawulwayo, wenze ezibukwayo xeshikweni eqokobhisa uSandile Wessels waseMdantsane.

UChumani Thunzi waseMdantsane ulalise ngophotho kumjikelo wesithathu uXolisa Nkonyane kumlo ubutak’ iintlantsi.

Le tumente ibiququzelelwa yiLastborn Boxing Promotions.