USidzila uzithembile iimbaleki zaseWSU

Iimbaleki zaseWalter Sisulu University phambi kokuya eMpumalanga apho ziyokumela iMpuma Koloni Umfanekiso: Uthunyelwe

Iimbaleki zaseMpuma Koloni ziza kukhuphisana nezinye eziphuma kwiiYunivesithi eziphuma kwamanye amaphondo kwitumente yeembaleki eza kube ibanjelwe eMpumalanga ngomso (Lwesihlanu).

Lishumi elivisayo lonke leembaleki eziphuma eWalter Sisulu University kwisebe eliseGcuwa eziza kumela iMpuma Koloni emdyarhweni obude buziikhilomitha ezilishumi (10km) obizwa ngokuba yiCross Country kwidolophu yaseNaspoti kwiphondo laseMpumalanga.

Kule tumente eza kubalekwa ngomso, iimbaleki zaseWalter Sisulu University ziza khuphisana neembaleki eziza kube ziphuma kwezinye iiyunivesithi. Iimbaleki eziza kumela iWSU ngamanene aza kuba lishumi elinesibini namanenekazi alishumi elinesibini.

Umqeqeshi weqela leembaleki zaseWSU, uThulani Sidziya, okwasebenza njengepolisa kwidolophu yakuGatyane, uthe onke amalungiselelo weqela lakhe ahambe ngendlela ebekucwangciswe ngayo kwaye unethemba lokuba baza kubuya nodumo eMpumalanga.

“Xa ubaleka kwiCross Country kuyafana ungathi ubaleka ezilalini ngoba akubalekwa endleleni. Thina sisoloko sikulungele ukubaleka yona,” utshilo uSidziya. Uthe indawo yaseMpuma Koloni inembali entle kwicala lokubaleka umdyarho oyiCross Country.

USidzila uthe iCross Country imnandi ngoba ayifuni zixhobo zokuziqeqesha ezikwizinga eliphezulu xa uyilungiselela, injengeminye imidyarho ngoba yona ayibalekwa endleleni. USidziya, 35, unamava kwicala lezeembaleki ngoba naye uyimbaleki kwaye ulijikelezile lonke ilizwe ebaleka imidyarho efana ne21km nangaphezulu.

Uphumelele kwaye ukwangumqeqeshi weZwelonke Athletic Club yakuGatyane. Kanti kwiminyaka emibini edlulileyo, uSidziya ufumene isidanga ezifundweni ( B-Tech Public Management) azenze eWalter Sisulu University kwisebe eliseGcuwa phambi kokuba abe ngumqeqeshi.