Umnikazi weRichards Bay FC, uMnu. uBrian Sifiso Biyela, uthe uza kumgcina umqeqeshi emva kokuba iqela lakhe liphumelele umdlalo obalulekileyo latsho laqinisekisa indawo yalo kwiDStv Premiership kwisizini ezayo. Oku kwenzeke emva kokuba iRichards Bay ingombe iBaroka FC ngomwasalala wamagowuli amane eqandeni emdlalweni obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium izolo emalanga.
Emva kokuvala isizini ikwindawo yeshumi elinesihlanu, kuye kwanyanzela ukuba iRichards Bay idlale imidlalo yokuxabangela (PlayOffs) namaqela aquka AmaTuks neBaroka. UBiyela uvakalise uvuyo olukhulu emva komdlalo watsho encoma umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali beqela lakhe. “Mandiqale ngokubulela abalandeli bethu abasixhase ukusukela ekuqaleni kwesizini.
Bekungakhathaliseki nokuba sidlale kakubi okanye kakuhle, bebehleli ecaleni kwethu,” utshilo uBiyela obebonakala engothuswanga ngumsebenzi owenziwe ngabadlali beqela lakhe. “Ndingutata kubo bonke abadlali, bayayazi lo nto. Sisuka kude nabadlali abafana noNtsundwana. Naba bafikayo bayayazi indlela esisebenza ngayo ngoku. Ndicinga ukuba benze umsebenzi omhle xa ujonga indlela iqela elidlale ngayo kule sizini,” utshilo uBiyela.
“Undichulumancise kakhulu umsebenzi esiwenzileyo. Abadlali bafana nabantwana. Kufuneka ubanike uthando nenkxaso xa beqhuba kakuhle naxa bengaqhubi kakuhle. Kubalulekile ukubaxelela ukuba bangatyhafi xa ngebaqhubanga kakuhle. Ndicinga ukuba lo nto isebenzile kakhulu,” utshilo uBiyela phambi kokuthetha ngekamva likaVusumuzi Vilakazi.
“Ilungiselwani into engenangxaki? Usebenze kakuhle umqeqeshi xa sithetha inyaniso. Usithathe kwishumi elinesithathu lamanqaku wasibeka kumashumi amathathu. Obo bubungqina obubonisayo ukuba uyasebenza. Siyamdinga apha kwisizini ezayo.
“Singene engxakini ngoba khange sibenayo indawo yethu yokudlalela. Kuyafana nokuba imidlalo yethu siyidlalele ngaphandle. Ukuba umasipala waseMhlathuze angasondela kuthi kungakuhle. Le asinto eza kunceda isiqu esinye kuphela. Iqela yinto yabantu bale ndawo.
“Ndiyababulela abalandeli bethu ngoba zange basiphatha kakubi naxa singadlalanga kakuhle,” utshilo uBiyela emva komdlalo. Naye umqeqeshi uvakalise uvuyo olukhulu emva komdlalo. Nangona iRichards Bay ingakwazanga ukuzihlangula emidlalweni yokugqibela – kodwa indlela elwe ngayo ibincomeka.
IBig Brother Mzansi iza kuqala ngoJanuwari