Usihlalo: Siyayibulela into enisenzele yona

IBrilliant Brothers liqela eliphumelele itumente yebhola ekhatywayo nexhaswe liphephandaba Isolezwe lesiXhosa noVoadcom umfanekiso: pedro mapelo

Emva kwetumente eqingqithe iintsuku ezintathu, usihlalo weBrilliant Brothers umnumzana uBandla Rumbu, wenze umbulelo omkhulu kweli phephandaba ngenxaxheba eliyidlalileyo kwibhola eMdantsane.

IBrothers ziintshatsheli zetumente yebhola ekhatywayo ebiququzelelwe nguMdantsane Football Association kodwa ixhaswa liphephandaba I’solezwe noVodacom.

UVodacom neli phephandaba babone kufanelekile ukuba babeyinxalenye yokukhuthaza ulutsha oludlala ibhola nokuphuhlisa ibhola ekhatywayo kwiindawo zabantu abasokolayo.

Umgangatho wamaqela nabadlali ubuphezulu kakhulu kwaye indlela abadlali abayithathele ingqalelo ngayo le midlalo ibibonisa ukuba benza into abayithandayo futhi abafuna ukukhula kuyo.

Bonke abadlali abadlale kule tumente bebeneminyaka engapantsi elishumi elinesihlanu. Lo nto ibihambelana ngqo neenjongo zokusungulwa kwetumente ekumila kunje.

Emva kokuphela komdlalo iBrothers ibambene neGreen Lovers ngo’1-1, iye yaphumelela kumapenela.

Kumapenela iBrothers iqhube kakuhle kakhulu yaze yafumana ikiti entsha ekupheleni komdlalo. Bayivuyele kakhulu abadlali lo nto kwaye bazakuvula ngayo imidlalo yabo yonyaka xa kuvulwa isizini kwinyanga ezayo.

“Bekungekho lula kule tumente, abanye abadlali bethu basesuthwini logama abanye beye kwiiholide. Abadlali bethu badlale kakuhle, siyavuya nangona sidlale bengekho abanye abadlali bethu. Bazakuvula ngayo isizini le kiti. Siyayibulela into enisenzele yona Solezwe noVodacom,” utshilo uRumbu.