Imbethimanqindi yaseMthatha, uSikho Nqothole, iza kufumana ithuba lokubuyisa isidima sayo kule. Emva kokuzilolonga ixesha elide, uNqothole uza kudibana noJafet Amukwa waseNamibia emlweni oza kube useBooysens, eGoli, ngorhatya ngoLwesihlanu.
Umlo wezi mbethimanqindi uza kuba yimijikelo elishumi yonke. Emva kokuhambi kakuhle kwezinto, uNqothole ulandele abanye waya eGoli – apho kukho uColin Nathan owaziwa ngokupheka iintshatsheli zehlabathi emanqindini.
Uqale ukulwa kwinqanaba eliphezulu emanqindini ngonyaka ka2017, eMthatha. Phantsi kwegama lakhe uNqothole, yimilo engamashumi amabini ananye. Kuloo milo, ubethwe kathathu. Emdlalweni wakhe wokugqibela kwinyanga kaCanzibe, ubethwe nguRene Calixto Bibiano waseMexico.
Wona umlo aya kuwo uza kuba nzima ngoba udibana noJafet Amukwa owakhe wabethwa emlweni awagqibela kuwo apha eMzantsi Afrika kwiminyaka edlulileyo. Lixesha lokuba aphakame uSikho.
Ngelishwa kufuneka agqithe endodeni ekudala isilwa kunaye. UNathan uxelele uNqothole ukuba kunyanzelekile aphumelele emlweni wangoLwesihlanu. Akukhathaliseki nokuba wenze njani, inye into efunywayo: yimpumelelo.
“Andikhathali nokuba wenze njani, kufuneka aphumelele umlo qha,” utshilo uNathan ethetha ngoNqothole oza kulwela intshinga yeSuperFlyweight. Inkampu yakhe, iHot Box, ivumile ukuba uNqothole uphantsi koxinizelelo emva kokubethwa kutshanje.
Ethetha kwiSA Boxing Talk, uNqothole ubulele iBoxing 5 ngokumnika ithuba lokulwa kwakhona. “Ndonwabile futhi ndibulela ithuba endilinikiweyo,” utshilo uNqothole ongekaxoli emva kokuqhathwa emlweni ogqithileyo athi wawuphumelela ngokucacileyo.
“Umlo wale veki uza kwahluka kweminye futhi ndiwulungele. Phantsi kukaNathan, ndiziva ndihlaziyekile. Ndiqinisekile ukuba iJafet akazugoduka ephumelele. Ukuba ufuna ukuphumelela, kungcono andiwise kwangoko emdlalweni,” utshilo uNqothole.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10