USilila uyikhusele intshinga yakhe

ULuyanda Kwankwa waseKapa ngethuba esilwa noBongani Silila waseMdantsane kumlo weSouth African Junior Fly-weight eMdantsane Indoor Sports Centre namhlanje. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Umlo obuphakathi kweembethi manqindi eziphambili ushiye ebantu abaninzi bengawuvali umlomo. Intshatsheli yoMzantsi Afrika kwiJunior Flyweight, uBongani Silila, usinde ngolambisa kuLuyanda Kwankwa – obempheke emophula kumlo obunemijikelo elishumi elinesibini eMdantsane Indoor Sports Centre ngenjikalanga yanamhlanje. Le tumente yamanqindi ibiququzelelwe yiKK Production ibambisene neBuffalo City Municipality.

Omabini la makhenkwe awuxhome zisuka umgangatho eqongeni. USilila yimbethi manqindi ewaziyo umsebenzi wayo, unawo amandla, ilikhupha ngexesha elifanelekileyo inqindi lakhe ngobuchule kwaye uyakwazi ukuzikhusela xa kukho ingozi.

Nanhlanje ebedibene nedyongwana ebizimisele kakhulu uLuyanda Kwankwa. Imijikelo eliqela uKwankwa ulwe kakuhle kuyo nangona naye ebezixhwithela uSilila. Amandla wakhe engekho ngaphezulu kulawo kaSilila – kodwa ebesebenzisa ubukrelekrele ngoba umfundile uSilila ukuba akanikezeleli lula, lo nto ibangele amxhole ngamanqindi echasele kuba intshatsheli ibikhangela inqindi ezakumwisa ngalo.

Ekugqibeleni abagwebi abanikwe uxanduva lokujonga umdlalo bathe zintanganye zombini. Ngalo ndlela yaba ibhanti lihlala kuSilila.

Lo nto ibangele bandumzele eholweni, bambi baphume besithi: hayi noko – udlelw’indlala uKwankwa kulo mlo.

Omnye umlo obushushu kakhulu ngulowo ubuphakathi kukaYanga Petani waseMdantsane noMasixole Botile waseBhayi. Imijikelo idlalwe yonke – kodwa uye waphumelela uPetani ngamanqaku ekugqibeleni – ekhusela kanjalo intshinga ye-Eastern Cape Middle-weight.

Yena uBongani Ngozi ubethe u-Onela Qongwana kwi-Easten Cape Bantam-weight ngamanqaku. UMalibongwe Ndzunge ungqengqise u-Athi Mahanjana kumlo we-Eastern Cape Junior Middle-weight ebingenamntu. Kanti yena uYamkela Phaliso ulahle phantsi uSandi Loni kumlo weJunior Feather-weight.