USililo noCholani emlweni wokubuyisa isidima sabo

UNwabisile Cholani noBongani Sililo baza kufumana ithuba lokuvuselela izakhono zabo xa bedibana emlweni ojongwe ngamehlo abomvu. La matyendyana aza kuvana amandla emlweni ophambili wetumente yamanqindi eququzelelwa yinkampani yabathelekisi, Isizwe Boxing Promotions neBitou Boxing Academy. Umlo wokuqala uya kuqala ngentsimbi yokuqala emini ngoMgqibelo, kwaNokuthula Community Hall, ePlettenberg Bay. USililo, osuka eBuffalo City edume ngamanqindi, uya emlweni efuna impumelelo ukuze akwazi ukubuyisa isidima sakhe. Kunjalo nakuCholani osafuna ukuzenzela igama nokuphakamisa iBitou Municipality.

UNtsikayezwe Sigcawu, umthelekisi weembethimanqindi, uthe onke amakhwenkwe aza kulwa kwitumente yakhe anethuba lokulwela iintshinga zoMzantsi Afrika. Itumente yakhe yokuqala eNtshona Koloni uyiququzelele neziko lophuhliso ekuthiwa yiBitou Boxing Academy. Ephawula ngokulindelekileyo emilweni ngoMgqibelo, uSigcawu uthethe wenjenje: “Ndikhethe uNwabisile ngoba ebelwele intshinga yoMzantsi Afrika kwiinyanga ezidlulileyo. Wabethwa nguSiphamandla Baleni.”

Ngumlo okwakudibana kuwo abantu abafuna ukuziqaqambisa kwakhona emanqindini. “Ngoku ke ufumana ithuba lokubuyisa isidima sakhe kwitumente yethu. Ukuba ukwazile ukubetha uBongani Silila, uza kufumana ithuba lokulwela intshinga yoMzantsi Afrika kwakhona. Yena uBongani yimbethimanqindi eyaziwayo ngoba ebekhe wayintshatsheli yeJunior bantamweight. Ngumlo omkhulu lo ophakathi kwabo kwaye bayathandwa kakhulu ngabantu.

“Naye uToto Helebhe uza kufumana elinye ithuba lokulwela itayitile yoMzantsi Afrika ukuba angawuphumelela umlo. Xa uthelekisa amakhwenkwe, uyajonga ngoba sikwazama nokukhulisa italente kweli cala laseNtshona Koloni ngoba izinga lamanqindi lithande ukuhla. Bekufanele itumente yenzeka kudala kodwa akubanga njalo ngenxa yeKhorona. Ezininzi iimbethimanqindi zirhoxile kodwa ke sikwazile ukuyenza itumente ekugqibeleni nangona kunjalo,” utshilo uSigcawu.