USimbine ozuze imbasa yexabiso ubulela abamnike inkxaso eParis!

Enye yembaleki ezanamendu kwihlabathi, uAkani Simbine, ibuyela ekhaya ithe qhiwu imbasa yesiliva. Oku kwenzeke emva kokuba uMzantsi Afrika ubambe indawo yesibini kwirileyi engumgama ongamakhulu amane eemitha (400m) eState de France ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

USimbile unike uMzantsi Afrika imbasa emva komsebenzi omhle obuqale wenziwa ngoogxa bakhe abaquka uBayanda Walaza, uShaun Maswanganyi noBradley Nkoana.

Kwiveki yokuqala kwi’Olimpiki, uSimbine uqhube kakuhle wade wafikelela kumagqibelakankqoyi kwi100m – kodwa ngelishwa lakhe, khange aphumelele. Nakubeni kunjalo, uSimbine ubaleke ixesha elincinci kwimbali ye100m apha eMzantsi Afrika.

Ukungaphumeleli kwakhe uSimbine khange kumtheze mandla. Endaweni yoko, uye kwelinye icala ngoba ebesazi ukuba umzingisi akanashwa. Ukuphumelela kwakhe kwakuhla ezimbali ze’Olimpiki naseMzantsi Afrika.

Eminyakeni eyadlulayo, zange liphumelele ilinge likaSimbine lokufumana imbasa eRio de Janeiro naseTokyo – apho wabamba indawo yesine kwi100m. Kube njalo naseParis – kodwa uthe bekungcono kulo nyaka ngoba indlela abaleke ngayo iphucukile kakhulu.

“Le imbasa ayoyam ndodwa. Yeyomntu wonke. Ayisiyoyethu kuphela eMzantsi Afrika, yeyehlabathi lonke,” utshilo uSimbine ofumene isiliva kwi’Olimpiki yakhe yesithathu embalini yakhe njengembaleki yaseMzantsi Afrika aphambili.

“Ndifumene inkxaso nakwiimbaleki ebendikhuphisana nazo. Bebesoloko besithi sifuna ufumane imbasa, siyakuxhasa. Yiyo lo nto ndisithi imbasa endiyifumeneyo yeyomntu wonke. Ndonwabe kakhulu noxa abanye abantu bengenakuyibona lo nto.

“Ndibulela kuye wonke umntu naba bantwana ebendibaleka nabo ngethuba sizama ukufumana imbasa esiyifumeneyo,” utshilo uSimbine encumile. UWalaza uvumile ukuba bekusoyikeka eStade de France ngenxa yabantu abaninzi.

“Ndingatsho ndithi bekusoyikeka ngaphakathi ebaleni emva kokubizwa kwamagama wethu. Kodwa ndiye ndaziqinisa ngelithi mandiyenze le nto. Emva koko ndiye ndangena latsho lemka uloyiko,” utshilo uWalaza, ofumene imbasa yesiliva eqala ukubaleki kwi’Olimpiki kulo nyaka eFrance.

Noko uMzantsi Afrika wenze bhetele eParis ngoba ufumene iimbasa ezintandathu. Igoliode enye, iisiliva ezintathu neebronze ezimbini. Kulindeleke ukuba abaphumelele iimbasa bavuzwe kakuhle.