Usinde ngolambisa uMthatha Bucks!

UMthatha Bucks ubambene naMaZulu FC ngamagowuli amabini macala kumgudlalo obutak’iintlantsi weNational First Division eMthatha Stadium emalanga namhlanje.

Obabini la maqela aye kulo mdlalo ezimisele ukufumana amanqaku apheleleyo ukuze aqinise ukuhlala kwiindawo ebekuzo kuluhlu lwamaqela eNFD.

Umdlalo uqale ngezinga eliphezulu. Kuye kwacaca ngenene ukuba kudibene oomakad’ezondana abadala bebhola ekhatywayo – ibonakele lo nto kwangomzuzu wesibini ahlasele ngawo Amathol’amnyama.

Igqala laMaZulu, uSiyabonga Nomvethe, uDarpoh Samuel noMabhuti Khenyeza bahlasele abadlali basemva beeBucks kabuhlungu ngomzuzu wesithandathu umdlalo uqalile – kodwa iinzame [zabo] zithintelwe nguMlungisi Maranti, unozinti weqela ebelidlalela ekhaya.

UMashale Rantabane ungcangcazelise umnatha ngomzuzu weshumi elinesithathu, watsho wankqenkqeza phambili uMthatha Bucks ofumene amandla kubalandeli ebebephume ngobuninzi babo ukuza kulo mdlalo nangona ingqele ibiqhaqhazelisa amazinyo.

Aquqe ebuyelela Amathol’amnyama okwezulu laseMthatha kwiipali zaMaZulu – kodwa unozinti, uSage Stephens, khange avume.

Ngomzuzu weshumi elinesibhozo uMthatha Bucks ufumene igowuli lesibini ngonyawo lukaKhotso Mokhele.

UMabhuti Khenyeza, obekujongwe kuye kakhulu kulo mdlalo, ebegadwe kakhulu kwaye noNomvethe, othanda ukuba yinkathazo, udlalele kude kwiindawo eziyingozi kwisigaba sokuqala.

IiBucks ziye kwikhefu ziphala phambili ngokufanelekileyo ngoba ibizizo ebezinamandla kakhulu namathuba okuphumelela umdlalo acacileyo.

AmaZulu abuye enamandla futhi efun’intwib’ilapha emva kwekhefu. Ukungena kukaNkanyiso Zungu, uSphesihle no-Augustine Ramphele kuwutshintshe kakhulu umdlalo.

Umsebenzi omhle owenziwe nguZungu esiswini nguwo obengunobangela wamagowuli omabini afunyenwe ngaMaZulu kwisigaba sesibini.

Iindwendwe zinyuse umxakatho ngakumbi emva kokufumana amagowuli ngoba umdlalo weMthatha Bucks ububonakala ungahlangananga ngenxa yoxinizelelo.

Nangona kunjalo, amakhwenkwe kaVelile Dyaloyi akwazile ukubambelela kwade kwasekugqibeleni.