Usindile uBaxter, izembe beliloliwe

UStuart Baxter, uThembinkosi Lorch noBongani Zungu bebhiyoza emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe iEgypt emdlalweni weAfcon, eCairo Stadium, kwiveki ephelileyo umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

Ngaphandle kwamathandabuzo, impumelelo ezuzwe ngaBafana Bafana kwiveki ephelileyo soze ilityalwe ngabalandeli bebhola amazwe omabini, uMzantsi Afrika neYiphutha.

Kodwa iziphumo zala mdlalo bezibaluleke kuStuart Baxter ngaphezulu kwabo bonke abanye abantu.

Emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe iEgypt ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni weAfcon Top 16, kuye kwathi qabu kuBaxter ngoba izembe beliloliwe.

Nangona iqela lakhe likwazile ukuya phambili kwiAfcon, kodwa abantu abaninzi bebengaxolanga kwaphela yindlela elidlale ngayo emidlalweni emithathu kaGroup D ebekukho kuyo amazwe afana neIvory Coast, iMorocco neNamibia.

Nangani izinto zihexile ekuqaleni kwetumente kodwa uMzantsi uzamile ukubuyisa isidima sawo ebholeni ngokubethela iEgypt phambi kwabantu abangaphaya kwamashumi asixhenxe amawaka eCairo.

Umqeqeshi ugxekiwe ngabantu abaninzi ngenxa yokungamdlalisi uThembinkosi Lorch emva kokungadlali kakuhle kwaBafana.

Igowuli alifakileyo uLorch lisindise uBaxter, kwangaxeshanye, laxolisa abantu abebefuna adlale.

ULorch uye wangena endaweni kaThemba Zwane ongadlalanga ngenxa yamakhadi.

“Eyona nto ebibalulekile kuthi ibikukudlala ibhola ephucukileyo. Ibingayilindelanga indlela esidlale ngayo iEgypt. Sisoloko sisithi abadlali baseAfrika abakwazi ukudlala ibhola ngendlela yale mihla kodwa benze imimangaliso emdlalweni. Sibabonisile abantu ukuba isifanele indawo esikuyo kule Afcon,” utshilo uBaxter emva komdlalo eCairo.

Ukudlula koMzantsi Afrika kwiNigeria emdlalweni odlalwe sesilikhuphile iphepha izolo, ingayinto enkulu kakhulu futhi engafunqula ibhola yoMzantsi Afrika onethuba elide ungasaqhubi kakuhle kwiitumente ezinkulu.

Umongameli weSafa, uGqirha uDanny Jordaan, uwuncomile umsebenzi owenziwe liqela lesizwe, watsho esithi nomqeqeshi uyenzile into ebifunwa kuye phambi kokuqala kwetumente.

“Yahlukile le iAfcon ngoba inamaqela amaninzi. Iqela lethu lenze umsebenzi omhle kakhulu. Sishiyekelwe yimidlalo emibini qha phambi kokuba sifike kowokugqibela. Masixhase abadlali bethu siyeke izinto ezingcwatyiweyo,” utshilo uJordan ethetha kwiSAFM.