Sekulithuba elide uMzantsi Afrika ukhangela umdlali okwaziyo ukufaka amagowuli ngokucacileyo.
Umdlali osaze ngobuso ezweni, uLuther Singh, kukhangeleka ngathi angayimpendulo kwingxaki yokushokoxeka kwabafaki bamagowuli kwaye ufaniswa noBenni McCarthy ngenxa yendlela adlala ngayo kwiSA Under-20.
Nangona iyinto ekhuthazayo ukufaniswa noBenni – kodwa elityendyana lomfana liyibethise ngoyaba eyokufaniswa kwalo noMcCarthy – oligqala elaziqaqambisa kumazwe aseYurophu. USingh, 19, uzibalule ngokuba ngoyena mdlali ofake amagowuli amaninzi (ubuye namane) kwi’Under-20 Afcon esongwe kwiveki ephelileyo eZambia. Indlela yakhe iyafana nekaMcCarthy owafaka amagowuli kwi-Afcon ngo’1997.
Nakubeni izinto zimhambele kakuhle uSingh – kodwa uthi kusekutsha kakhulu ukuba angathelekiswa noBenni.
“UBenni ngumntu omkhulu, andinakuthelekiswa naye. Ndimbukele, ndifundile kuye izinto ezininzi. Angeke ndibeke uxinizelelo kum,” utshilo uSingh ebuya kwi-Afcon.
Le folosi incedise Amajita azibekele indawo kwiFifa Under-20 World Cup nakwimidlalo ye-Afcon abambe kuyo indawo yesine. USingh udlalela iSporting Braga yasePortugal kwaye ngoku uqukiwe nakwiBafana Bafana elungiselela imdilalo yobuhlobo.
“Ndisebenza kakhulu, ndifuna ukukhula ebholeni. Ndifake amagowuli amaninzi kwiCosafa, ndiphindile kwi-Afcon. Ndinebhongo ngalo nto – kodwa ndincoma oogxa bam abandincedayo. Zange ndicinge ukuba ndingadlalela iBafana Bafana ndiseneminyaka ephantsi. Andothukanga xa ndibizwa ngokuba ndiyasebenza,” utshilo uSingh.
Ukuqukwa kwale ndedeba kwiqela lesizwe kubonwe njengento entle eyenziwe ngu-Owen Da Gama – obambeleyo njengomqeqeshi.
Umdlali wasemva oyintsika ngoku kwiBafana Bafana, uRivaldo Coetzee, wanikwa ithuba elifanayo nguShakes Mashaba ekweli khabathiso akulo uSingh.
Ithuba lokufunda ukuqhuba kwabakhubazekileyo baseAmathole