USinky Mnisi uthi useyingqonyela yeRoyal AM

Sinky Mnisi.

Ingqonyela yeRoyal AM, uSinky Mnisi, uwagxekile amajelo eendaba awatyhole ngokusasaza iindaba ezingekhoyo ngaye. Kwiiveki ezigqithileyo kuvakele iingxelo ezithi uMnisi unqunyanyisiwe yiRoyal AM emva kokuthatha izigqibo ngaphandle komnikazi weqela, uShauwn Mkhize. Uvumile uMnisi ukuba unethuba engasayi emsebenzini – kodwa wazikhaba iingxelo ezithi unqunyanyisiwe yiRoyal AM. “Zonke izityholo ezijikelezayo aziyonyaniso futhi ziyandikhubekisa,” utshilo uMnisi ethetha namajelo eendaba izolo. Emva kokuba uMnisi khwebe indibano namajelo eendaba, uMamkhize kuvakala ukuba uye wayigalela amanzi lo nto eyichaza njengento engekhoyo.

Ukungazikhabi kwakhe uMamkhize iingxelo ezingokunqunyanyiswa kumkhathazile uMnisi. “Bendisithi uMongameli weRoyal AM uza kuyilungisa into ethethekayo ngam. Iphephandaba layipapaha into yokusikwa kwam njengento ephuma kuye,” utshilo uMnisi ekhathazekile. UMnisi waba yingqonyela yeRoyal AM emva kokuba uMamkhize wathenga iBloemfontein Celtic phambi kwesizini edlulileyo. “Xa wayebuzwa ngokunqunyanyiswa kwam, zange ayiphendule ngokucacileyo lo nto. Ndithule ixesha elide kuba ndifuna ukunika uMongameli weRoyal AM ithuba lokubeka izinto ngendlela yazo.

“Akayenzanga lo nto noxa eziva izinto ezithethwayo ngam. Uyekile isidima sam sarhuqwa eludakeni. Ndikhathazekile futhi ndiziva ndihlazekile. Okwenza ndiphoxeke kakhulu zizinto endizenzele iRoyal AM ukuze iphumelele,” utshilo uMnisi okhanyeleyo ukuba uthathe izigqibo ngaphandle kwabaphathi bakhe. “Ndinayo imbalelwa ezibonisa konke phakathi kwam noMongameli – kodwa ke andifuni ibe libali elide lo nto,” utshilo. Ulebele ngelithi akafuni ukuthetha kakhulu ngoba ndifuna ide igqithe le nto yenzekayo. Akucaci nokuba uMnisi uya kubuyela nini na emsebenzini njengokuba esithi uzinike ikhefu.