USinoxolo Kwayiba ubulela uMpengesi nabaqeqeshi abamnike ithuba!

USinoxolo Kwayiba ubulele iChippa United nabaqeqeshi bakhe ngokumnika ithuba lokudlala ibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu. Oku ukuthethe emva kokuba ewongwe yiPSL okokuqala njengoyena mdlali oqaqambileyo kwinyanga ephelileyo kaTshazimpuzi.

UKwayiba, 23, wenze ezibukwayo emidlalweni yeChippa United kwinyanga ephelileyo ngokufaka amagowuli amane emidlalweni emine. Amagowuli ancede iChippa United ebethe amaqela afana neKaizer Chiefs amenze wangomnye wabadlali ababalulekileyo phantsi koqeqesho lwamadoda afana noKwanele Kopo noThabo Septmber.

Ethetha emva kokuzuza iwonga kwiPSL, uKwayiba ubalule izinto afuna zenzeke kuye njengomdlali webhola ekhatywayo. “Ndibulela iqela lam elindiphe ithuba lokudlala kwiPSL. Kwisizini yam yokuqala, ndifumene ithamsanqa lokudlalela iqela elikwindawo endizalelwe kuyo, iGqeberha.

“Ekuqaleni kwesizini, izinto khange zihambe ngendlela eziyiyo ngoku ngoba nam bendifuna ukuzinika ithuba lokuqhelana nendlela izinto ezenziwa ngayo kwiChippa United. Bekunzima ngoba bendikade ndidlalela iqela elikwinqanaba elingezantsi. Kodwa umqeqeshi wam wathi mandisebenze ixesha lam liza kufika,” utshilo uKwayiba obekhe wadlalela iPretoria Callies.

Izinto zimhambela kakuhle uKwayiba ngoba uyazimisela ebaleni futhi ubukhali phambi kweepali. “Khange ndihlupheke ngethuba ndingekadlaliswa. Ndiye ndalinda ixesha lam, ndalisebenzisa lakufika. Ndibulela uThixo ngokundenzela inceba. Umthandazo wam yayikukwenza into ebonakalayo ebaleni xa ndingenile. Ndiwafumene amagowuli futhi ndadala namathuba.

“UThixo uye wandisikelela ngamagowuli. Ndonwabe kakhulu ngoba yeyona nto ebendisoloko ndiyicela leyo. Ndifuna amanye amagowuli emidlalweni eshiyekileyo kwenzeke nezinye izinto endizinqwenelayo,” utshilo uKwayiba okwisizini yakhe yokuqala kwiDStv Premiership.

Uthe into ayifunayo ekugqibeleni kukudlalela iqela lesizwe loMzantsi Afrika. “Eyona nto endiyifunayo kukude ndisinxibe isikipha saBafana Bafana. Nokuba kunini – kodwa ndiza kunyamezela ndide ndifike kwiqela lesizwe. Ukuba ndihleli kwiChippa United kwisizini ezayo, ndifuna ukuyisebenzela ukuze ikwazi ukwenza umsebenzi oncomekayo njengale isizini.

“Xa ndivalelisa, ndifuna ukubulela iSihlalo weChippa ngokundinika ithuba nokundithemba. Ndibulela wonke umntu ondixhasayo eGqeberha nabaxhasi beChippa futhi ndicela bahlale besenza njalo kude kuphele isizini,” utshilo uKwayiba. IChippa, eliphephileyo izembe kule sizini, iza kudibana neRoyal Am ngoMgqibelo.