USinyabi yintshatsheli

entsha yelizwe

Imbethi manqindi yaseMdantsane, uMcBute Sinyabi, uphumelele intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lweFeatherweight emveni kokubetha * -Oscar Chauke ityeli lesithathu ngolwesihlanu e-Orient Theatre kwitumente ebiququzelelwe yiZikhali Promotions ebhexeshwa nguLukhanyo “Taliane” Ndubane.

UChauke ebefuna ukuziphindezela kuSinyabi emva kokubethwa amatyeli amabini ngonyaka ka-2012 kwintshinga yulu didi lweBantamweight, nasebutsheni bonyaka kukhuphiswano lwePremier Boxing League.

USinyabi ebesilwa phambi kwabalandeli ebebegcwalise iholo bezokumxhasa kwaye bekhwaza igama lakhe, nto leyo imenze walwa ngokuzinikela wade wamngqegqisa uChauke kumjikelo wesihlanu, kodwa wakwazi ukuphinda aphakame.

Le mbethi mangqindi yaseLimpopo izamile ukukhusela intshinga yayo ngokuthi izise umlo kuSinyabi, kodwa lo nto akhange izonelise iijaji kulo mlo nanjengokuba ziwubone ngolu hlobo umlo: 111-116 ,115- 112, 113-116, ziwunika uSinyabi. Komnye umlo wentshinga yelizwe uBongani Silila, ubethe uVuyani Kheswa wanqandelwa ngusompempe kumjikelo weshumi elinanye.

Kumlo owenze isanxwe, intshatsheli yephondo uThembelani Maphuma udlale ntanganye noLindile Tshemese kumlo wentshinga yelizwe kudidi lweBantamweight.

UTshemese nabaphathi bakhe abaxolanga yingxelo yejaji nanjengokuba beziva bewuphumelele lo mlo. Iijaji ziwubune olu hlobo lo mlo, 114-113 Tshemese,113-114 Maphuma, 114-114 ntanganye.