USiphiwe Tshabalala ukhumbula okwenzeka ngo-2010, eFNB Stadium!

Siphiwe Tshabalala of South Africa celebrate with teammates during the 2010 FIFA World Cup Group A football match between South Africa and Mexico at Soccer City, Johannesburg on 11 June 2010 Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ngale mini
ngonyaka ka-2010, iNdebe yeHlabathi yebhola ekhatywayo yadlalelwa e-Afrika
okokuqala kwimbali yebhola. Umdlalo wokuqala wawuphakathi koMzantsi Afrika
neMexico ngentsimbi yesithathu emalanga eFNB Stadium eyenziwa yabungqayi emva
kokuphuculwa ngezigidi zeerandi. Loo mini engasoze ilityalwe kwimbali yebhola
ekhatywalo soze imlibale uSiphiwe Tshabalala owayedlalela iKaizer Chiefs ngoba
nguye owafaka igowuli lokuqala kwi-2010 Fifa World Cup futhi yaba nguye futhi owafaka
igowuli kwitumente yokuqala e-Afrika. Namhlanje uMzantsi Afrika ukhumbule eyona
nto yakhe yankulu eyenzekayo kweli lizwe ukususela oko lazuza inkululeko ngo’94.
UTshabalala wabhakuzelisa umnatha emva kokufumana ibhola awayidlalelwa nguKagisho
Dikgacoi owanikelwa nguReneilwe Letsholonyane noTeko Modise. Yibhola leyo
eyabakhululayo abantu abaninzi ababesoyika. Noxa umdlalo waphela amazwe omabini
ebambene ngo’1-1, abantu bashiyeka benethemba. Ethetha neentatheli kutshanje,
uShabba uthe wayesoyika phambi komdlalo – kodwa emva kwegowuli, yonke into
yaguquka.

         

“Ngomhla
we-11, ndandinalo ixhala ngokufanayo xa ndisiya kweminye imidlalo, Yayisenzeka
lo nto naxa sasidlala imidlalo yokucweya phambi kweNdebe yeHlabathi. Kodwa
zandifunqula izihlwele ezazigcwalise iFNB Stadium nenkxaso esayifumanayo.
Ndisakhumbula kakuhle ndicula umhobe wesizwe ngelikhulu ibhongo ndinyembezana
emehlweni wam. Ndandinalo ithemba futhi ndiqinisekile okokuba ndiza kuqhuba
kakuhle emdlalweni. Phambi komdlalo ndandinawo umfanekiso-ngqondweni wendlela
endandifuna ukudlala ngayo emva kokucinga ixesha elide. Kwanyanzeleka umntu
azimisele emdlalweni kwaye igowuli zange lize ngempazamo,” utshilo uShabba
ethetha neSAFJA. “Ndikhumbula kakuhle, ibhola yayiphethwe ngabadlali beMexico.
Oogxa bam babe luqilima emva. Ibhola yaqhawulwa ngu-Aaron Mokoena, yadibana
noKagisho, uYeye noKatlego. Indlela esawuguqula ngayo umdlalo yayigqibelele
kwaye yafika nam ndiyilindele. Ndaziva isasuka elunyaweni lam ibhola okokuba
iya emnatheni,” utshilo uTshabalala osakhangela iqela elitsha emva kokuyeka
ukudlalela iqela laseTurkey elamthatha kwiChiefs.