Ziintshatsheli zeMTN8 kwakhona i’Orlando Pirates emva kokuba ibethe iMamelodi Sundowns ngo’3-1 kumapenela emdlalweni obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium namhlanje ebusuku. Kuyiwe kumapenela emva kokuba amaqela omabini engakwazanga ukubhalisa ebhodini emdlalweni. Iqhawe lePirates lanamhlanje ibe nguSipho Chaine obambe amapenela amathathu onke. Kodwa ngaphezulu koko, nasemdlalweni wenze umsebenzi ophucukileyo kakhulu. Umdlalo khange ube nomtsalane ngendlela ebilindelwe ngabantu abaninzi ngenxa yomoya obumkhulu obubhudla eMoses Mabhida Stadium.
Amathuba okuphumelela umdlalo ebekhona macala – kodwa yiSundowns efumene amathuba acacileyo emdlalweni. UJunior Mendieta ulifakile igowuli kwixesha elongezelelweyo – kodwa umncedisi kasompempe uthe ulalele. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iyinkwa nenkwa – kodwa zininzi izinto ezenzekileyo ezibonisayo ukuba bekusiliwa. Bekufanele ukuba iSundowns isonge isigaba sokuqala somdlalo ihamba phambili ngamagowuli amabini okungenani. Emzuzwini wesihlanu umdlalo uqalile, uSipho Chaine ubambe ibhola ebikhatywe nguThemba Zwane eyinikelwe nguPeter Shalulile.
Nayo iPirates ikhe yazama ukuhlasela isebenzisa uZakhele Lepasa noKermit Erasmus phambili – kodwa iinzame zayo ziye zaphazanyiswa nguRonwen Williams ezipalini. Kuye kwanyanzeleka ukuba kubizwe amagosa empilo angene ebaleni emva kokungqubana kukaMthobi Mvala noNkosinathi Sibisi. Uye wabotshwa ngebhandeshi uMvala wabuyela ebaleni njengesiqhelo – kodwa ngelishwa lakhe uSibisi, uye wakhutshwa kwakucaca ukuba unengxaki entloko. Indawo yakhe ithathwe ngu-Olisa Ndah odlale kakuhle kakhulu.
Iphinde yafumana elinye ithuba elicacileyo iSundowns – kodwa uShalulile uyiqabelisile ibhola entle ebisuka kuKhuliso Mudau. Ibingeke iPirates ikwazi ukubuyela emdlalweni ngoba ixesha beliphelile. Kwisigaba sesibini, umdlalo uye wanzima kwiPirates ebidlala isiya ecaleni eliza umoya. Ibhola ibidlalelwa emhlabeni wayo ngoba yiSundowns ebihlasela kakhulu. Kwimizuzu yokuqala kwisigaba sesibini somdlalo, uKermit Eramus uphantse wayifaka engxakini iDowns – kodwa uWilliams uye wenza umtsi wayibamba ibhola ebiyingozi.
UShalulile uphose elinye ithuba lokubeka iSundowns phambili. Iquqe ibuyelela iDowns incediswa ngumoya – kodwa uChaine uzivalile iibhola ezimbi ezikhatywa nguAubrey Modiba ekoneni. Kwixesha likasompempe, uMonnapule Saleng uphose ithuba lokufaka igowuli. Umdlalo uphele amaqela ebambene ngeqanda waya kwixesha elongezelelweyo. Akubangakho elikwazileyo ukufaka igowuli kwayiwa kumapenela aphunyelelwe yiPirates ngo’3-1. Le yindebe yesithathu kwiPirates phantsi kukaJose Riveiro emva kokuba izuze ezimbini kwisizini ephelileyo.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa