Intshatsheli yehlabathi, uSive “Special One” ifumene ithamsanqa lokukhusela intshinga yayo phambi kwabalandeli bayo eMonti. Esi sibhengezo ngomlo kaNontshinga obaluleke kakhulu ebomini bakhe senziwe yinkampani yabathelekisi aphantsi kwayo, iRumble Africa Promotions. Ngoku uNontshinga, 24, ubila esoma enkampini – apho alungiselela khona ukukhusela intshinga yakhe ye-International Boxing Federation junior flyweight xa edibana noRegie Suganob wasePhilippines ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yeSilimela – umhla wolutsha eMzantsi Afrika.
Umphathi weRumble Africa Promotions, uTeris Ntutu, ubongoze urhulumente omkhulu, owephondo nakwiinkampani ezizimeleyo ukuba zixhase imbethimanqindi yakhe xa iza kube izama ukukhusela intshinga yayo ngomha wolutsha eMonti kulo nyaka. Le mbethimanqindi yaseMonti yaphumelela intshinga yayo eMexico – apho yabetha uHector Flores emlweni owawunzima kakhulu.
“Imeko esikuyo bgoku iyasinyanzela ukuba sicele inkxaso kurhulumente kazwelomke, kowephondo okanye koomasipala,” utshilo uNtutu emva kokuvumelana nenkampu kaSugano malunga nendawo ekuza kulwelwa kuyo. Sesithethile namagosa aliqela karhulumente kwaye sinalo ithemba ngoba onke amehlo aza kuba kwiphondo leMpuma Koloni.
“Abantu esesithethe nabo sibaxelele ngomngcipheko akuwo uNontshinga onokubangela aphulukane nebhanti lakhe ukuba umlo awuphumeleli. Okunye esibaxelele kona kukuba uNontshinga kukuphela kwentshatsheli ekhoyo eMzantsi Afrika enyanzelekileyo ukhusele ibhanti layo,” utshilo uNtutu ethetha noSABC Sport kutshanje. Njengazo zonke iimbethimanqindi, uSpecial One, unomnqweno wokulwela phambi kwabalandeli bakhe ekhaya. “Walwela owona mlo omkhulu kude kakhulu ekhayeni lakhe. Akukho mnandi nakweyiphi na imbethimanqindi ukukhusela intshinga kwelinye ilizwe. Kungcono xa usazingela intshinga ngoba wamkela nokuba yintoni evelayo,” utshilo uNtutu.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa