USivenathi Nontshinga ufumana ithuba lokuba yintshatsheli kwakhona

UColin Nathan noSivenathi Nontshinga ejimini.

Emva kokubethwa nguAdrian Curiel ekuthambekeni konyaka ophelileyo, uSivenathi Nontshinga wakhala kakhulu efanele ngoba walahlekelwa yintshinga awayezama ukuyikhusela okwesibini walahlekelwa nasisidima sakhe emanqindini.

Kodwa kwanyanzeleka ukuba osule iinyembenzi abuyele ejimini ukuze ufike umlo olandelayo ewulungele. Yenze njalo imbethimanqindi eyakhulela eDuncan Village, eMonti, kwade kwavela iindaba ezimnandi ezithi uza kuphinda etshatshalazeni noCuriel omhluthe intlaka emlonyeni kunyaka ophelileyo.

Ngumdlalo omtsha lo kuyiwa kuwo futhi owahlukileyo kulowa wonyaka ophelileyo. UNontshinga uza kuswantsulisana noCuriel emlweni wentshinga ye-IBF World Light-Flyweight oza kube ubanjelwe eGuelaguetza, eMexico, ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga ezayo.

Ngumlo oza kuba nzima kakhulu kuNontshinga ngoba uCuriel uza kulwela phambi kwabalandeli bakhe futhi ekhusela intshinga awayoxutha kuye kunyaka ophelileyo. Yonke le nto yenzeka kwangoko emva kokubethwa kwayo imbethimanqindi yaseMzantsi Afrika emlweni owawuseMonaco.

Yena uCuriel, 24, uza kuya emlweni ezithembile futhi enethemba lokuphinda akwenze kunyaka ophelileyo. Lo nto ithethe ukuthi uNontshinga kufuneka azilungiselele ngokupheleleyo phambi komhla omkhulu. UColin Nathan wathembisa ngelithi imbethimanqindi yakhe iseza kuba yintshatsheli yehlabathi emva kokubethwa kwayo emlweni eyayicinga ukuba uza kuvula amathuba amatsha emdlalweni wamanqindi.

Ukuthatha intshinga abayifumana ngonyaka ka2022 ngokubetha uHector Flores kwiholo laseMexico iza kuba yeyona nto iphambili kubo njengokuba bebila besoma esitalini sakhe uNathan.

UNontshinga unawo amandla nobuchule bokusebenzisa amanqindi. Noxa umsebenzi wakhe uza kuba nzima ngenxa yobuchule bakhe uCuriel kwelakhe icala – kodwa angabuya nayo intshinga.

Okubalulekileyo kukulungisa iziphene awazenzayo emlweni ogqithileyo. Enye into emnandi ngaye kukuba unaso isibindi. Ukulwa nomntu othathe intshinga yakho akululanga – kodwa kwenziwa kuphela ngabantu abakhethekileyo kuphela emdlalweni wamanqindi.