USivenathi Nontshinga ufungele uSuganob obaliswayo!

Le yiveki ebalulekileyo kakhulu kwiimbethimanqindi zaseMpuma Koloni ngoba ziza kufumana ithuba elihle lokubhala iincwadi zembali ngokutsha. Phakathi kwemilo ejongwe ngamehlo abomvu eMonti ngumlo ophakathi kukaSivenathi Nontshinga oza kukhusa intshinga yakhe kuRegie Suganob wasePhiliphines emva kwemini ngeCawe umhla wesibini kwinyanga yeKhala. Lo ngumlo obalulekileyo kuzo zombini iimbethimanqindi- kodwa uxinizelelo likuNontshinga ngoba nguye okhusela isicoco phambi kwabalandeli bakhe. UNontshinga waba yintshatsheli ye-IBF World light-flyweight awayifumana eMexico emva kokubetha ngamanqaku uHector Flores.

Ethetha kwiveki ephelileyo, uColin Nathan, uyichaze njengeveki enkulu kakhulu le emdlalweni wamanqindi eMzantsi Afrika. “Yiveki engasoze ilityalwe le ngoba kuza kube kusilwa intshatsheli yoqobo. USuganob yimbethimanqindi enobuchule bokubetha inqindi – kodwa uNontshinga ngumdlali wamanqindi ongcono kunaye. Okuhle ngetumente yeRumble Africa Promotions kukuba iza nemilo ebalulekileyo kakhulu”, utshilo uNathan, umqeqeshi kaNontshinga omlungiselela umlo obaluleke kakhulu ebomini bakhe njengembethimanqindi. UNathan uthe uNontshinga uza kuyikhusela intshinga yakhe ngeCawe.

Ngethuba ethetha neentatheli kwiintsuku ezimbalwa phambi komlo wakhe, uNontshinga ebekhululekile futhi kubonakala ukuba uzithembile. “Ndikulungele ukungena eqongeni. Ziinyanga ezintathu zonke ndilungiselela umlo ngaphandle kokuphumla,” utshilo uNontshinga echulumancile. Umqeqeshi wakhe umthelekise nezinye iimbethimanqindi manqindi zakhe ezahlukeneyo ukuze akwazu ukumelana neemeko zonke ngomhla womlo. “Bekunzima apha sisebenza nomqeqeshi. Yiyo lo nto ndisithi nditsha ziintambo ngoku. Endingakutsho ngoku: ngeCawe ndiza kuyikhusela intshinga yam.” uvale ngaloo mazwi uNontshinga. Imilo ephambi kokaNontshinga noSuganob nayo iza kusasazwa ngqo kuSuperSport TV.