Imbethimanqindi yephondo leMpuma Koloni, uSivenathi Nontshinga, intingele kwilizwe laseMexico – apho iyozama khona ukohlutha itayitile yayo yehlabathi. UNontshinga uza kuvana amandla kwakhona noAdrien Curiel emlweni we-IBF light flyweight ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli abamanqindi eMzantsi Afrika. Lo ngumlo wesibini phakathi kwezi mbethimanqindi zimbini. Kowokuqala, uCuriel uthathe itayitile yehlabathi kuNontshinga obezama ukuyikhusela okwesibini ekuthambekeni konyaka ophelileyo.
Ngoba ufuna ukubuyisa isidima sakhe emanqindini wehlabathi, uNontshinga uye wacela ukuphinda alwe noCuriel oye wavuma. Umlo osebusuku ngoLwesihlanu ubaluleke kuzo zombini iimbethimanqindi. Ngeke avume uCuriel ukuphucwa itayitile engayikhuselanga phambi kwabalandeli bakhe eMexico. Kanti naye uNontshinga umke ezixelele eMzantsi Afrika ukuba uyokuthatha ibhanti lakhe eMelika. Umbuzo: ingaba ingenzeka na lo nto? Akukho mntu waziyo, impendulo iya kuvela eqongeni ngomhla womlo.
“Ndiwulungele umlo futhi ndingatsho ukuba ndiyokuthatha into yam. Okwenzeka emlweni ogqithileyo yaba yimpazamo encinci,” utshilo uNontshinga kuMhlobo Wenene FM kwiveki ephelileyo. Akothusi kekambe ukubuyela kwakhe kuCuriel kwakhona ngoba umqeqeshi wakhe, uColin Nathan, wathembisa ngelithi uNontshinga uza kuphinda abeyiyo intshatsheli yehlabathi. “Yathi yakufika kum into yokulwa noCuriel, ndayeka yonke into ndabuyela ejimini. Ngumlo omkhulu kakhulu lo kum.
“Yitayitile yehlabathi endiphulukene nayo le kutshanje. Uthe akuthi masiphinde silwe, ndatsho ndathi ungumntu ozithembileyo. Ungumntu oyaziyo into ayenzayo – kodwa kweli ityeli, ndiyokuthatha into yam. Akukho nto esiyoyikayo ngoba itayitile ndandiyithathe phaya eMexico. Ndiwulungele umlo, ndiza kuqabela eqongeni ndithathe ibhanti sibuye nalo. Ndilwe nabantu abalushica ngaphezulu kwakhe uCuriel. Eli ithuba ngeke ndiliyeke,” uvale ngaloo mazwi uNontshinga oza kuhamba nzima kuCuriel xa esilwela ekhaya.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!