USivenathi Nontshinga uza kuba yintshatsheli kwakhona, utsho uNathan!

Sivenathi Nontshinga.

Emva kokubethwa kukaSivenathi Nontshinga ekuqaleni kwale nyanga yeNkanga, alikacaci kakuhle inyathelo eliza kuthathwa ngabathelekisi bakhe. UNontshinga ubuyele ekhaya ephoxekile emva kokubethwa nguAdrian Curiel emlweni obuseMonte Carlo, eMonaco. Imbethimanqindi yaseMonti ayikwazanga ukuwuphetha umjikelo wesibini emva kokudibana nenqindi elibi ingalindelanga emlweni wentshinga ye-IBF light flyweight.

Ubethwe uNontshinga ezama ukuyikhusela isihlandlo sesibini intshinga awayiphumelela eMexico – apho wabetha khona uHector Flores kunyaka ophelileyo. Kanti kwiinyanga ezidlulileyo, uNontshinga ukwazile ukuyikhusela intshinga yakhe ngokubetha uRegie Suganob ngamanqaku emlweni obuseMonti.

UColin Nathan uvumile ukuba ukubethwa kukaNontshinga kukhe kwamdakumbisa – kodwa uthi uqinisekile ukuba imbethimanqindi yakhe iza kuzivuthulula ibuyele eqongeni lamanqindi ngoba isencinane.

“Bendidandathekile iintsuku eziliqela emva komlo – kodwa kungcono ngoku,” utshilo uNathan ethetha kwiSA Boxing Talk. USivenathi, oteketiswa ngegama elithi “The Special One”, uhambe kanye emva kokufika kwaMabhokobhoko aphumelele iNdebe yeHlabathi. Lo nto yenze kwalindelwa lukhulu kuye ngoba ebesilwela intshinga yehlabathi.

“USivenathi wenze impazo enye wadibana nenqindi elibi. Unjalo umdlalo wamanqindi. Nokuba kubi kangakanani ke, ukuba awukwazi ukuzamkela iziphumo zomdlalo, phuma kuwo. Kunzima ukwamkela ukubethwa kwakhe uSivenathi – kodwa okuhle kukuba usemncinane.

Uza kuzivuthulula aphindele eqongeni kwakhona. Okwangoku, izicwangciso ebezikhona ziza kunqumama ngoba akaphumelelanga. Into eyenzekileyo isothusile,” utshilo uNathan kutshanje. Nakubeni ekhubekile uNontshinga emizameni yakhe – kodwa uNathan uqinisekile ukuba uza kuba yintshatsheli kwakhona.

“Noxa izinto zingasihambelanga kakuhle, wona umnyhadala obuququzelelwe kakuhle kakhulu. USivenathi uza kuphinda abe yintshatsheli. Ibikhe yakhona into ethi umlo ungaphindwa.

Ukuba ingenzeka lo nto, ndingalivuyela elo thuba. Kodwa ndicinga ukuba kufuneka aphumle sibone ukuba kungavela ntoni kwiinyanga zokuqala kunyaka ozayo. Akukho nto esiyisolayo, impazamo yenziwe sithi. Ukuzithemba kakhulu kunokwenzeka bekukhona. Siphoxekile emva kokubethwa – kodwa yinto yasemidlalweni leyo.