USiya Kolisi owonzakeleyo usecicini lokuphoswa yitumente yehlabathi!

USiya Kolisi weSpringbok noTommaso Allan we-Italyemdlalweni obukunyaka ophelileyo. Umfanekiso: Luca Sighinolfi/INPHO/Shutterstock/BackpagePix

Uza imilingo uSiya Kolisi ukuze aye kwitumente yehlabathi yombhoxo. Oku kuvele emva kokuvaka kweengxelo ezithi uKapteni weSpringbok wonzakele futhi kuza kunyanzeleka enziwe utyando ukuze aphile. Ngokwengxelo ekutshwe ngu-IOL Sport ekuqaleni kwale veki, zithi indebeba yaseZwide, eGqeberha, yonzakele eqatheni macala omabini – nto leyo ekuthiwa iza kubangela angawudlali umbhoxo ixesha elide. UKolisi wonzakele edlala umdlalo wakhe wokugqibela njengomdlali weCell C Sharks ebidlala neMunster kwiveki ephelileyo phambi kokuzichitha iintente aza kuzigxumeka eFrance – apho aza kudlala khona emva kwetumente yehlabathi. Abasemfuthweni wolwazi bathi uKolisi sele exilongwe ziingcali zoogqirha ababini abacebise enziwe utyando.

Nalo iqela lakhe, iCell C Sharks, liye langqina ukuba uKolisi uza kusiwa kwingcali kagqirha ukuze kuviwe uluvo lwakhe ngobunzulu bomonzakalo okungathatha ithuba lakhe lokukhusela indebe yehlabathi eyazuzwa liqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo ngo-2019 kwilizwe laseJapan. Ukuba uKolisi wenziwa utyando, uza kuphoswa yitumente yehlabathi ngoba angahlala iinyanga ezinye zonke engadlali. Inkxalabo ngobunzulu bokonzakala kukaKapteni weqela lesizwe lombhoxo ivezwe ngumkakhe, uRachel Kolisi, kwikhasi lonxibelelwano noxa engakhange azidize iinkcukacha. Kutheni ukungabikho kukaKolisi iyinto enkulu?

Noxa enamashumi amathathu ananye eminyaka – kodwa usengumdlali obalulekileyo kwiSpringbok ngoba uyasebenza kakhulu ebaleni ngemihla yemidlalo. Ukungabikho kwakhe kungekho xesha lokulungiselela umntu oza kuthatha indawo yakhe kunganefuthe elibi kwiqela lesizwe. Kunyanzelekile uJacques Nienaber axoze omnye umphini njengokuba elungiselela itumente ekuthiwa yiRugby Championship eza kulola AmaBhokobhoko phambi kwetumente yehlabathi. Emva koko kweRugby Championship, uMzantsi Afrika uza kudibana namazwe afana ne’Argentina, iWales neNew Zealand emidlalweni yovavanyo. Kwitumente yehlabathi, AmaBhokobhoko aza kudibana neScotland, Ireland, iTonga noRomania.