USiya Kolisi ubhenca okwenzeke ebomini bakhe encwadini yakhe entsha

UKapteni waMabhokobhoko, uSiya Kolisi, uthi ungumntu anguye namhlanje ngenxa yabantu bendawo awakhulela kuyo. Oku ukuthethe encwadini yakhe entsha kraca ayikhuphe ekuqaleni kwale veki. Encwadini yakhe ethi ‘RISE’, uKolisi ugqamisa kakhulu iimpazamo azenze esemncinane kunye nezinto ezintle ezenzekileyo ebomini bakhe ezimenze wacinga ngokubhala incwadi ngobomi bakhe. Le ndedeba yaseZwide, eGqeberha, yenye yabantu abadumileyo kakhulu kwihlabathi – ingakumbi emva kokukhokela AmaBhokobhoko abuye nendebe yehlabathi yombhoxo ekupheleni kwetumente eyayibanjelwe eJapan konyaka ka-2019. UKolisi wafumana ithamsanqa lokufunda esikolweni sombhoxo, iGrey High School, emva koko wanikwa ithuba lokuzibonakalisa kwinqanaba eliphezulu.

Ukubhalwa kwencwadi engafuni ephume kwiminyaka embalwa egqithileyo sesinye sezizathu esibangele abhale incwadi ngokwakhe ukuze abantu bafunde into ephuma kuye. “Yah, kukho incwadi eyabhalwayo ngam ndingafuni. Ndazama ukumxhaya umbhali wayo ngelithi ndisemncinane – kodwa zange andimamele. Mna noRachel sazama ukuyilwa lo nto sancama,” utshilo uKolisi kwindibano ekuphehlelelwe kuyo incwadi yakhe eCape Town Stadium. “Ndandisithi ndiza kuyibhala incwadi xa sendiyekile ukudlala umbhoxo – kodwa siye sathetha noRachel, sagqiba kwelokuba ndiyibhale. Zininzi iimpazamo nezinto ezintle endizenzileyo.

“Kukho nezinto angazange andixelele zona utata nezinye umfazi wam (uRachel) endingazange ndimxelele zona kuba ndandingazi ukuba ndingenza njani. Zonke ezo zinto zisencwadini. Ndibhalile nangempathombi eyenzeka koomama kweli lizwe. Imali eninzi eza kuphuma ekuthengisweni kwencwadi yam iza kunceda ngayo uluntu. “Ndikholelwa kwelokuba ndikhuliswe ngabantu bokuhlala. Abantu abaninzi eMzantsi Afrika bayalikholelwa ibali lam. Impathombi yasemakhaya yinto efunqukileyo eMzantsi Afrika kwaye nam ndiyayazi ngoba yenzeke ebantwini endibaziyo. Andiziboni izinto endizizuze embhoxweni njengezinto ezinkulu, into ebalulekileyo kum ngumsebenzi owenziwa yiKolisi Foundation,” utshilo uKolisi.