USiya Kolisi uvuyela ukuba nguKrebe waseThekwini

Namhlanje uqale ubomi obutsha kwikhaya elitsha uSiya Kolisi emva kokubhengezwa kwakhe njengomdlali opheleleyo weCell C Sharks. Le ndedeba yakwaKolisi inguKrebe ngokusesikweni namhlanje emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu kwiSharks. Ekuqaleni kwale veki, uKolisi ukhululwe yiWestern Province ahleli kuyo ishumi elinanye leminyaka emva kokudibana naye esungmfundi waseGrey High School – edume ngokuvelisa abadlali bombhoxo abaphambili.

Ingqonyela yeSharks, uGqirha Eduard Coetzee, uvakalise uvuyo ngokufika kukaKolisi – ochazwe njengolambele ukuphumelela iindebe kwiqela laseThekwini. Kwintetho yokwamkela uKolisi, uCoetzee uthethe wenjenje: “Siyamamkela uSiya kwiCell C Sharks. Kweli qela siziqhayisa ngomanyana nangokuphathana kakuhle. Umdlali ophezulu ofana noSiya simamkela ngezandla ezishushu.”

“USiya ngumdlali ophambili okwangunozakuzaku womdlalo wombhoxo. Ungumdlali uza kukhuthaza abadlali abasakhulayo. Siqinisekile ukuba uSiya uza kuqhathula akuyiqhela indlela esisebenza ngayo apha kwiSharks,” utshilo uCoetzee. Imkhulule iWestern Province lingekafiki ixesha lokuphelelwa kwesivumelwano sakhe sengqesho emva kokuvumelana naye ngemali angakhululwa ngayo. Iindaba ezivakeleyo zithi uKolisi uyikhuphe kweyakhe ipokotho imali akhululwe ngayo siStormers emva kokuba uCoetzee ethe akakwazi ukubhatala isigidi serandi ngomdlali onesivumelwano esiya ekupheleni. “Ndiye ndayamkela futhi ndakholwa yindlela ekwenziwa ngayo izinto kwiSharks. Ibisoloko ingumnqweno wam ukudlalela iqela eliphambili nokudlala nabadlali abaphambili ukuze umdlalo wam ufikelele kwiqondo eliphezulu,” utshilo uSiya kusasa namhlanje eKings Park Stadium.

“Kumnandi ukuqala isiqendu esitsha ebomini bam kwaye ndiyabulela kakhulu. Ndiza kweli qela ndizimisele ukulisebenzela. Ithuba endilinikwa yiCell C Sharks ndilibulela kakhulu,” uvale ngaloo mazwi uKolisi. Kulindeleke uKolisi adibane noogxa bakhe abaphuma eMpuma Koloni abaninzi adlala nabo kwiqela lesizwe. Phakathi kwabo badlali kukho uKapteni weSharks, uLukhanyo Am no-Aphelele Fassie.