Nangona AmaBhokobhoko ebuyela ekhaya nodumo emva kokuphumelela iNdebe yeHlabathi – kodwa uSiya Kolisi uvumile ukuba iNew Zealand ibibacishilele. UKolisi ukuthethe oku emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe iNew Zealand ngongciphu ka’12-11 emdlalweni wokugqibela eStade de France kubusuku bangoMgqibelo ogqithileyo. AmaBhokobhoko anikwe amandla okulwa bubukho bukaMongameli uCyril Ramaphosa obeseFrance nabantu baseMzantsi Afrika abawaxhese bekude.
Amanqaku aphumelele ngawo AmaBhokobhoko afakwe onke nguHandre Pollard kwisigaba sokuqala somdlalo. UBeauden Barrett, ofumene itrayi, akakwazanga ukuyinceda iNew Zealand elahlekelwe nguSam Cane onikwe ikhadi elibomvu. UKolisi uvumile ukuba badlale neqela ebelinamandla kakhulu kunabo. “Andazi ukuba ndingayichaza njani into eyenzeke namhlanje. Ndifuna ukuncoma iNew Zealand . Abadlali bayo balwe kwade kwayokuphela umdlalo bengaphelelanga,” utshilo uKolisi.
“Bazibonakalisile ukuba baliqela elinjani. – kodwa ndifuna ukuncoma oogxa bam kwangaxeshanye. Ndiyavuya ngoba sikwazile uphumelela umdlalo ekugqibeleni. Abantu bamanye amazwe abayazi into eyenzekileyo ukuba ithetha ukuthini kuthi. Esikwenzileyo akuphelelanga ebaleni kuphela. Zininzi izinto ezingahambi kakuhle elizweni lethu, eMzantsi Afrika. Kodwa ndifuna ukubulela abantu baseMzantsi Afrika ngokusixhasa.
“AmaBhokobhoko anibonisile into eninokuyenza xa nibambisene. Ndizingomba isifuba ngokwenziwe liqela lethu,” utshilo uKolisi, wongeza ngelithi ukuphuma kukaBongi Mbonambi ngenxa yokonzakala kwenze ingxaki. “Kuye kwanyanzeleka ukuba senze uhlengahlengiso emva lokonzakala kukaMbonambi ekuqaleni komdlalo. Ukungabikho kwakhe kubeke uxinizelelo emagxeni wethu – kodwa siye sayifumana indlela yokuphuncuka engxakini,” utshilo uKolisi.
UMzantsi Afrika wenze imbali ngokuphumelela indebe yehlabathi amatyeli amabini elandelelana. Ngonyaka ka2019 nguRassie Erasmus owaphumelela indebe njengomqeqeshi. Kulo unyaka nguJacques Nienaber osendleleni eyokuqeqesha iqela lase-Ireland. AmaBhokobhoko aza kuqala utyelelo nendebe kumaphondo onke phambi kokuphela kweveki engaphumlanga ngenxa yokusondela kweminya ekufuneka ayidlale kwiiveki ezizayo.
IBig Brother Mzansi iza kuqala ngoJanuwari