USiya Kolisi uzama ukulishiya iqela lombhoxo laseFrance

Kuthe tshitshilili iindaba ezithi uSiya Kolisi uzama indlela yokulishiya iqela lakhe laseFrance. Oku kulandela ukugxekwa kwakhe ngumnikazi weRacing 92 ayidlalelayo. UJacky Lorenzetti wathi uKolisi utyebile futhi akanguye la mdlali abambona edlalela Amabhokobhoko emva kwesizini yombhoxo eFrance.

Yothusa lo nto ebantwini abaninzi ngoba isizathu esibangele uKolisi engayidlaleli kakuhle iRacing 92 kukonzakala. Zange ihlale kakuhle into yokuhlaselwa kukaKolisi ebantwini baseMzantsi Afrika.

Ngokutsho kweRugbyPass, uKapteni weSpringbok ukhangela indlela yokukhululeka kwiRacing 92 ukuze akwazi ukubuyela kwiNatal Sharks abeyidlalela kakade phambi kokuya eFrance. Kuthiwa iqela laseFrance labhatala imali eqikelelwa kwizigidi ezilishumi elinesixhenxe zerandi ukuze limfumane.

Njengokuba uKolisi esadlale isizini enye, kufuneka imali ukuze akhululeke futhi naye uza kulahlekelwa zizigidi xa ehamba kwiRacing 92. Kodwa yonke into iya kuxhomekeka kwiingxoxo zamacala omabini. UKolisi udlale kakuhle kwinyanga ephelileyo.

URassie Erasmus wayiphendula intetha kaLorenetti ngelithi uKolisi akatyebanga futhi uphile uthe qethe. Emva koko udlale umdlalo wovavanyo ngendlela encomekayo. Kuthiwa uKolisi ufuna ukuhamba emva kweentetha ezingaginyekiyo ezenziwa ngumphathi wakhe ngaye.

Akukacaci ukuba uza kukhululwa na uSiya ekulindeleke abeke phantsi embhoxweni edlala eMzantsi Afrika. Ukubuya kwakhe kuza kunceda noRassie kwiqela lesizwe ngoba umthetho uthi uKapteni weSpringbok makadlale eMzantsi Afrika. UKolisi uza kukhokela iSpringbok kwiveki ezayo xa sisiya kwiRugby Championship.