Iindaba eziphuma eNaturena zithi umdlali odlala emva, uSiyanda Xulu, uxelelwe okokuba angaphinde awubeke umcondo wakhe kwinkampu yeKaizer Chiefs kwakhona. UXulu, 25, ngomnye wabadlali abasixhenxe abakhululweyo yiKaizer Chiefs ekupheleni kwesizini ka-2016/17 emva kokungadlali kwabo kwisizini egqithileyo. Bonke babesenezivumelwano ezibabophelelayo kuquka nalo kaXulu – kodwa kuyabonakala ukuba owakhe umba awukasonjululwa ngokupheleleyo.
Abasemfuthweni wolwazi kwiGoal.com bathi lo mdlali uzilolonga yedwa ngoku logama esalinde ukusonjululwa kwesivumelwano sengqesho yiChiefs nabameli bakhe. “UMagazi uxelelwe ukuba akazukwazi ukuzilolonga neqela. Uyazilolonga ngokunokwakhe ke ngoku. Ndingatsho ukuba sele elinde isisombululo ngoku phambi kokubona enye indlela,” itsho ingxelo.
Nangona kuphele iisizini ezimbili uXulu engadlali kwiChiefs – kodwa kulindeleke ukuba afumane iqela azakulidlalela phambi kokuvulwa kwesizini entsha. Ungumdlali owaziwayo futhi ohlonitshwayo kakhulu eMzantsi Afrika. Amaqela amgaceleyo aquka i-Orlando Pirates ne-Ajax Cape Town.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!