USiyasanga Pati uyibeke endaweni entle iSwallows

MPM Selbornians (17)25

Swallows (0) 34

Namhlanje iSwallows ifundise isifundo iMPM Selbornians engasoze iphinde isilibale embhoxweni kumdlalo weSuper Sport Rugby Challenge wokuqala namhlanje eSisa Dukashe Stadium. Ubuchule bokusebenzisa ibhola, ubukrelekrele, ukudlala ngokuzimisela namendu – zezinye zezinto ezincede iSwallows ephumeleleyo nangona ibihamba emva ngo’17-0 xeshikweni kutshitshwa amacala. Eli qela belidlalela ekhaya alibaphoxanga abalandeli balo.

SuperSport Rugby Challenge's photo.

Akubangakho nto ixhomis’ amehlo kwimizuzu yokuqala yalo mdlalo. Bekubonakala ukuba omabini la maqela azinika ithuba lokufundana – kodwa kuthe kumzuzu wesixhenxe umdlalo uqalile, uQhama Hina, ulele emgceni ngenkani emva koduntsu-duntsu obusenzeka emhlabeni weSwallows. Ihambe phambili iSelbornians emva kokufa nepenela. Bothukile abadlali beSwallows ngoba kuye kwakho intshukumo abayenzayo emva koko nangona indlela yabo ibingelulanga ngenxa yabadlali beSelbornians abebengafuni nento egqithayo kubo. Emva kokohlwaywa kweSwallows phambi kweempondo zayo, iSelbornians iqabelise ipenela yatsho yahamba phambili ngo’10-0 phambi kwesiqingatha seyure. USesethu Time ulele emgceni kumzuzu wamashumi amathathu – yatsho yahamba phambili iSelbornians ngo’15-0.

Kwisigaba sesibini, iSwallows ibuye ihlaziyekile ngokwasemandleni nasengqondweni. Ukutyhala kwayo ngamandla kube nomvuzo ngethuba ilala emgceni phambi kokufaka nepenela. ULelethu Gcilitshema ufumene ibhola engasekoneni, akasokolanga ngoba uthathe ngolala emgceni qha. Emva koko iSwallows ilawule umdlalo nangona iSelbornians ibihamba phambili ngo’15-14. UNkululeko Ndlovu ufake ipenela ephambi kweempondo yatsho iSwallows yakhokela ngo’17-15 kumzuzu wamashumi amahlanu anesihlanu kwisigaba sesibini. Kumzuzu wamashumi amathandathu, u-Andisa Gqobo uyibeke phambili iSelbornians kwakhona ngo’18-17 emva kokufumana ipenela endaweni entle. USiphosethu Tom, ongene njengelalela, usike amadoda walala emgceni. Yatsho yahamba phambili iSwallows ngo’25-20 emva kokuba ifake nepenela.

SuperSport Rugby Challenge's photo.

USisethu Time uphinde walala emgceni yatsho iSelbornains yasondela kwiSwallows ebihamba phamnbili ngo’27-25. ISwallows liqela elidlala umbhoxo ophucukileyo kakhulu. Nakubeni ibihamba emva ngo’15-0 ngethuba kusiyiwa kwixesha lokupumla – kodwa ikwazile ukusukela yade yawuphumelela umdlalo. USiyasanga Pati ubethelele isikhonkwane seSwallows ngebhola yakhe yokugqibela kulo mdlalo. Ayidlalanga kakuhle kwaphela iSelbornians kwisigaba sesibini – lo nto inike amandla iSwallows ephumeleleyo.