USiyethemba Sithebe ufuna iChiefs iwawise AmaZulu kwiMTN8!

USiyethemba Sithebe ngumdlali odlala esiswini kwiKaizer Chiefs. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umdlali odlala esiswini kwiKaizer Chiefs, uSiyethemba Sithebe, ufuna ukubona iqela lakhe libetha AmaZulu emdlalweni ongempelaveki. Amakhosi adibana naMaZulu emdlalweni weMTN8 ekulindeleke ukuba utake iintlantsi eFNB Stadium ngentsimbi yesithathu ngeCawe. Emdlalweni weDStv Premiership ogqithileyo akubangakho iqela eliphumelelayo. Kodwa izinto ziza kwahluka kwiMTN8 ngoba kulwelwa indebe. Ukuphumlela kweChiefs kungamchwayitisa kakhulu uSithebe emva kokuba AmaZulu engazange amvumele adlale phantse isiqingatha sonke sesizini egqithileyo emva kokuba ukuba uqhogiswe yiChiefs. Ethetha neentatheli izolo, uSithebe (29) uthe konke okwenzeka ekuSuthu wakuphosa kwelokulibala ngoku ingqondo yakhe ikwiChiefs.

“Imeko endandikuyo yayinzima. Kodwa oko ndafika kwiChiefs izinto zabalula kakhulu ngoba ndamkelwa kakuhle,” utshilo uSithebe, olelinye lamaxhadi ka-Arthur Zwane esiswini kwisizini eqhubekayo. Emva kokungaqhubi kakuhle kweChiefs kwisizini egqithileyo, ithemba liye labekwa kubadlali abaninzi abathengiweyo. Akukho nto ebonakalayo abayenzileyo ukuzothi ga ngoku – kodwa uSithebe uthi izinto ziyahlangana nangona zihamba kancinci. “Umdlalo wethu uza kakuhle kwaye nendlela esidlala ngayo iya idibana. Into esingakwazanga ukuyenza kukufumana amagowuli kweminye imidlalo.

“Liqela elikhulu iKaizer Chiefs kwaye ilandelwa ngabantu abaninzi. Kuba nzima ngenxa yoxinizelelo xa singaphumeleli imidlalo. Ukuze sothule umthwalo emagxeni wethu, kufuneka siphumelele imidlalo. Ukuba singaphumelela imidlalo emibini ilandelelana, izinto zingangcono ngoba kungakhula ukuzithemba kuthi singabadlali,” utshilo uSithebe. Uvumile kambe ukuba iya kuhlala isengqondweni into yokuba wayedlalela AmaZulu – kodwa uzimise ukunceda iqela lakhe ngoku liphumelele. “Oko xa ndisebaleni, ndisoloko ndizimisele ukwenza umsebenzi omhle. Sidlale ntanganye emdlalweni ogqithileyo nangona sasifuna ukuphumelela,” utshilo uSithebe.