USiyongwana uncoma iqela laseWalter Sisulu eseGcuwa

Abadlali beWalter Sisulu Yunivesithi bathi bazimisele ukwenza ngcono kulo nyaka kwimidlalo yokuzibekela indawo kwi-ABC Motsepe League kwisizini ezayo, emva kokoyisakala kunyaka ophelileyo.

Oku kuvele xeshikweni sincokola nonozinti weli qela, * -Andile Matholengwe, emva kokuba echongwe njengonozinti obalaseleyo kwimidlalo ye-Amathole SAB Regional Play-Offs ebibanjelwe eWSU eGcuwa kutsha nje.

UMatholengwe uchongwe nogxa wakhe uPikolomzi Noqazo, okhethwe njengoyena mdlali ubalaseleyo kule tumente ingumhlahla-ndlela kwimidlalo yeMotsepe League Play-Offs.

“Kumele silungise impazamo zethu kweli ityeli kule midlalo yeMotsepe League Plays-Offs, kuba salifumana ithuba kwisizini ephelileyo kodwa sabethwa,” utshilo uMatholengwe. Uthi umgangatho wawuxhomile kwaye ebeqala nokuthatha ixhanxeba kule midlalo, kodwa ekwathi intsebenziswano yabadlali ngoku kunye nokudlala ngokuzimisela kwabo, yeyona nto izakubenza babuye nodumo eMonti, eBuffalo Stadium, ngomhla wamashumi amabini ananye ukuya kowamashumi amabini anesibini.

Kwimidlalo emithathu edlalwe kwi-Amathole SAB Regional Play-Offs , kungene igowuli elinye kuMatholengwe ze wabamba iphenalthi ezimbini. Lo nozinti uthi unephupha lokudlalela iqela elikwiNFD League ngenye imini.

Umdlali obalaseleyo kwitumente, uPikolomzi Noqazo, ubonakale echulumance kakhulu kuba nguye oze negowuli lokulinganisa xeshikweni bedlala neTry Again FC kumdlalo wokugqibela, igowuli elo linike iWSU itikiti lokudlala kwimidlalo yeMotsepe.

Oyintloko yezemidlalo kule Yunivesithi, uBanzi “Bra Ace” Siyongwana, uwancomile amakhwenkwe wakhe, kwaye uthi abonakalise ukuzimisela nobunganga, kwaye naseMonti bazimisele ukubuya nodumo.

isibhalo@ionl.co.za