Ngamanye amaxesha kuthi xa kuvaleka ucango ebomini, kuvuleke elinye kwelinye icala. Kwenzeke kanye lo nto ebomini betyendyana lelali yakwaMasingatha, eQonce, eligama linguAbongile Sodumo.
Ngethuba eyeka ukudlala iqakamba ngo2015, uSodumo wayengazi okokuba ikhona enye into anokuyenza ngaphandle kokuba ngumqeqeshi – into abaye bathathe yona emva kokubeka phantsi.
Ubomi bukaSodumo buguqukile kwaye unethuba elihle kakhulu lokuzibonakalisa nokuphakamisa iMasingatha kwihlabathi ukuba uzimisele.
Oku kuza emva kokuba ethe wachongwa yiCricket South Africa (CSA) njengoEmphaya wemidlalo yeqakamba esemgangathweni ophezulu.
“Ewe, ndinguEmphaya nyhani. Ndathi xa ndiyeka ukudlala iqakamba ngo2015, ndadibana noShaun George owathi kunganjani ukuba ndinganguEmphaya kuba bendingumdlali weqakamba.
Ndayamkela lo nto noxa iyinto endingazange ndayicinga ebomini bam,” utshilo uSodumo encokola neli phephandaba.
USodumo, 38, ukhe wangumqeqeshi weqela laseBhayi – kodwa phambi koko, udlalele amaqela afana neBorder, iWestern Province, iEastern Province neWarriors.
“Ndabhala iimviwo, ndaze ndathunyelwa yiCSA kwitumente yeqakamba eyaziwayo, iKhaya Majola Cricket Tournament, eyayibanjelwe eBhayi ngo2016. Kulapho izinto zaqala khona kweli khondo lam lokuba nguEmphaya (ukuphatha imidlalo) kwiqakamba. Ndanikwa imidlalo eliqela kwiitumente zezikolo phambi kokunyuselwa kwinqanaba elingezantsi kweli ndikulo ngoku,” utshilo uSodumo okuvuyelayo ukunikwa ithuba lokulawula imidlalo yooxholovane kwiqakamba yaseMzantsi Afrika.
“Kumnandi kakhulu kum. Ndiyakwazi ngoku ukuphatha imidlalo yamaqela amakhulu. Into elandelayo kum kukuphatha imidlalo yehlabathi (ICC). Ndisengumdlali, ndandikunqwenela ukudlala kwinqanaba lehlabathi – kodwa zange yenzeke lo nto. Okumnandi ngoku kukuba ndinethuba lokuzibonakalisa kwihlabathi,” utshilo uSodumo owaqala iqakamba ngo1988.
“Kuyandikhulisa kakhulu oku. Into efunekayo kukuzimisela ukuze ndikwazi ukuzinza kwinqanaba eliphezulu. Ukuphatha imidlalo ngumsebenzi omkhulu. Ndizimisele ukuwenza umsebenzi wokuphatha imidlalo. Ngeke ndibambelele iminyaka emininzi kangaka kanti ndiza kuyilahla esithubeni,” uvale ngaloo mazwi uSodumo.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo